Imimiselo Yokusebenzisa

Imimiselo Yokusebenzisa

Ngaphambi kokusebenzisa le Webhusayithi okanye le App, kufuneka wenze iAkhawunti kunye nathi kwaye uvumelane neMimiselo yethu Yokusebenzisa – nceda uyifunde kakuhle uze uziprintele ikopi yale Mimiselo. Le Mimiselo Yokusebenzisa inesivumelwano esibophelela wena neLifeWorks.

Jonga iglosari yamabinzana acacisiweyo ekupheleni kweMimiselo Yokusebenzisa.

* * *

IMIMISELO YOKUSEBENZISA YE-LIFEWORKS

Icandelo 1. SINGOOBANI

Iwebhusayithikunye ne-App ezilawulwa yile Mimiselo Yokusetyenziswa ekugqibeleni zezeLifeWorks Inc., iqumrhu eliququzelelwe phantsi kwemithetho yaseOntario, eKhanada.  I-LifeWorks Inc. iphethe kwaye iqhuba ishishini le-LifeWorks phantsi kwamashishini aphantsi kwayo kumazwe ngamazwe kuquka kodwa kungaphelelenga eKhanada, eMerika, eUnited Kingdom naseOstreliya.Ngeenjongo zale Mimiselo Yokusetyenziswa, ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela kule Mimiselo Yokusetyenziswa, iWebhsayithi kunye neApp ziphethwe kwaye ziqhutywa yiLifeWorks (Canada) Ltd., inkampani esemthethweni yaseKhanada (ebizwa ngokuba yi-"LifeWorks", "thina", "si" okanye "yethu" kule Mimiselo Yokusetyenziswa). I-LifeWorks yinkampani ephethwe ngokupheleleyo yi-LifeWorks Inc.(Inombolo yokubhalisa #2260708) ibe idilesi yethu ephambili yokushishina ithi 16 York Street, Suite 3300, Toronto, Ontario M5J 0E6, Canada. Ukuba usebenzisa iWebhsayithi yethu okanye iApp ngaphandle kwaseKhanada nceda ufunde Isihlomelo 3 sale Mimiselo Yokutyenziswa ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngemimiselo nemiqathango eyongezelelekileyo enokusebenza kuwe.

Icandelo 2. imimiselo yokusebenzisa

2.1      Le Mimiselo Yokusetyenziswa ichaza isiseko seeNkonzo zethu kwiWebhsayithi neApp yethu kwezi ntlobo zilandelayo Zabantu Abayisebenzisayo:

  • Abantu abafumana iimveliso okanye iinkonzo zethu besebenzisa Imibutho Ebaxhasayo ("Abaxhaswayo"). Abasebenzisi Abaxhaswayo baquka, kodwa abaphelelanga (a) kubasebenzi abafumana iiNkonzo zethu kubaqeshi babo okanye ii-inshorensi, (b) abantu abaxhaswayo abafumana iiNkonzo zethu ngokusebenzisa umxhasi wabo, (c) umbutho wabasebenzi, umbutho wezoshishino okanye amalungu ombutho wabasebenzi abafumana iiNkonzo zethu ngokuba lilungu kumbutho wabasebenzi, imibutho yezoshishino, okanye imibutho yabasebenzi, kunye (d) nabafundi abafumana iiNkonzo zethu ngamaziko abo emfundo ebaxhasayo (umz. iiyunivesithi kunye nekholeji).
  • Abaantu ekutshatwe nabo, abantwana, abahlala kwindlu enye abaxhomekeke nabanye abantu abazala Nabantu Abaxhaswayo ("Abantu Abayisebenzisayo Abaxhomekekileyo"), ukuba nje Ngabantu Abaxhomekekileyo abavumelekileyo phantsi kwesivumelwano seSPO esisebenza Kumntu Oyisebenzisayo Oxhaswayo.
  • Imibutho Exhasayo (njengabalawuli beeakhawunti) abangabathengi ngqo beLifeWorks nabanikezela ngeeNkonzo zethu Kubantu babo Abayisebenzisayo Abaxhaswayo ngqo, okanye abafumana Iinkonzo zethu ezivela kubathengisi bezinye iinkampani (njengeenkampani zeinshorensi) abanika abathengi babo Bemibutho Exhasayo amalungelo eakhawunti yomntu olawulayo (xa bebonke kuthiwa, "Ngabaluwuli beSPO").
  • Iinkampani zenshorensi okanye abanye abathengisi beeNkonzo zethu (a) abanikezela ngeemveliso kunye neenkonzo zthu kubathengi babo Bemibutho Exhasayo (nabo abanikela ngeeNkonzo Kubantu Abayisebenzisayo Abaxhaswayo), kodwa (b) abangabanikiyo abathengi babo Bemibutho Exhasayo amalungelo eakhawunti yomlawuli ("Abalawuli bePass-Through").

Kule Mimiselo Yokusetyenziswa, Abantu Abayisebenzisayo Abaxhaswayo, Abantu Abayisebenzisayo Abaxhomekekileyo, Abalawuli beSPO kunye Nabalawuli bePass-Through babizwa ngokuba ",Ngabasebenzisi" "wena," "eyakho," kunye namanye amagama afanayo apho umxholo ufuna amagama aqhelekileyo. Amanye amagama acacisiweyo achazwe Kwisihlomelo 1 ekupheleni kwaleMimiselo Yokusetyenziswa. Imimiselo ethile ekufuneka siyichaze kuwe evela kubathengisi bethu bezinkampani zangaphandle icacisiwe Kwisihlomelo 2.

2.2      Ngokubhalisa iAkhawunti yokusebenzisa Iinkonzo zethu kule Webhusayithi okanye iApp uyavuma ukuba ubophelelekile kule Mimiselo Yokusetyenziswa. Ungasebenzisa iWebhusayithi kunye neApp (a) ngokuhambelana nale Mimiselo Yokusetyenziswa, (b) ngokwenjongo yazo kuphela, (c) kuphela ngokuhambiselana nemithetho nemiqathango esebenzayo kwaye (d) ngendlela efanelekileyo kuphela. UKUBA AWUVUMELANI NALE MIMISELO YOKUSETYENZISWA, AWUZOKWAZI UKUSEBENZISA IWEBHUSAYITHI OKANYE I-APP KWAYE AWUYI KUFUMANA IINKONZO EZIFUMANEKAYO KWIWEBHUSAYITHI OKANYE KWI-APP. UKUBA, NANGALIPHI NA IXESHA EMVA KOKUBA UVUMELENE NEMIMISELO YOKUSETYENZISWA, AWUYITHOBELI IMIGAQO YOKUSETYENZISWA, SINELUNGELO LOKUNQUMAMISA OKANYE/KUNYE NOKUPHELISA IINKONZO ZETHU SIZE SIBEKE IMIQATHANGO OKANYE SIRHOXISE IAKHAWUNTI YAKHO NONGAKUVUMELI UNGENE KWIWEBHUSAYITHI YETHU KUNYE NE-APP SINGAKHANGE SIKWAZISE.

2.3      Ukuba ubhalisa njengomlawuli weAkhawunti egameni lomntu ongumlawuli wePass-Through, wena uza kuthathwa njengokuba uyavumelana nale Mimiselo Yokusetyenziswa ibe nabantu Abayisebenzisayo bakho bayavuma. Ukuba ubhalisa njengomlawuli weAkhawunti egameni lomntu onguMlawuli weSPO, wena uza kuthathwa njengokuba uyavumelana nale Mimiselo Yokusetyenziswa ibe nabantu Abayisebenzisayo bakho bayavuma. Nokuba yeyiphi imeko, ngokubhalisa, uyavuma ukuba, wena, unikiwe igunya lokumela Umlawuli wePass-Through okanye Umlawuli weSPO nokuba wena unelungelo negunya lokuzibophelela nokubophelela Umlawuli wePass-Through noMlawuli weSPO (leyo isebenzayo) ngokuvumelana nale Mimiselo Yokusetyenziswa nayo nayiphi na eminye imigaqo okanye iipolisi esisenokufuna uzamkele ezinento yokwenza Neenkonzo.

2.4      Sinelungelo lokuhlaziya okanye sitshintshe le Mimiselo Yokusetyenziswa ngamaxesha athile. Izinto ezihlaziyiweyo okanye ezitshintshiweyo kule Mimiselo Yokusetyenziswa iqalisa ukusebenza emva kokuba siyifakile kwiWebhusayithi okanye iApp ibe xa uqhubeka uzisebenzisa Iinkonzo zethu neWebhusayithi okanye iApp oko kuza kuthetha ukuba uyavumelana ngokuzenzekalayo nezinto ezihlaziyiweyo nezitshintshiweyo. Kuba nje sifuna uhlale unenkcazelo, siza kuzama nokukuchazela ngeimeyile nanini na sihlaziya okanye sitshintsha le Mimiselo Yokusetyenziswa; kodwa ke, ukungakuchazeli kwethu akuzukuyitshintsha into yokuba uzibophelele Kwimimiselo yokusebenzisa ehlaziyiweyo okanye etshintshiweyo. Kwakhona, kwiimeko ezithile, sisenokukucela ukuba uchaze ngokucacileyo ukuba uyavumelana nezinto ezithile ezihlaziyiweyo okanye ezitshintshiweyo xa ungena kwiAkhawunti yakho (okanye, kwimeko Yabalawuli beSPO okanye Abalawuli bePass-Through, xa umlawuli wakho onikwe igunya engena kwiAkhawunti yomlawuli), kwaye xa kunjalo awuzukwazi ukuqhubeka usebenzisa Iinkonzo ude uyenze loo nto.

Icandelo 3. IMIMISELO EYONGEZELELEKILEYO EFAKWE NGOKWEMBEKISELO

Le mimiselo ilandelayo kunye nazo nazipha na izinto ezitshintshiweyo kuyo, nayo iyinxalenye yale Mimiselo Ihlaziyiweyo ibe ifakwe ngokwembekiselo, xa isebenza:

(a)         imimiselo yokusebenzisa yeWebhusayithi yethu (ikopi esexesheni iyafumaneka ku- lifeworks.com);

(b)        Kubalawuli bePass-Through Nabalawuli beSPO, Isivumelwano seSPO sethu kunye nawe, ukuba siyasebenza, imimiselo yenkonzo phakathi kwakho nenye inkampani okanye umthengisi weeNkonzo zethu;

(c)        Kubantu Abayisebenzisayo Abaxhaswayo, nayiphi na imimiselo nemiqathango esenokusebenza kuwe evela Kumbutho Okuxhasayo (nceda ubuze Umbutho Okuxhasayo ngeenkcukacha); kunye

(d)        naziphi na izinto ezilungisiweyo, ezitshintshiweyo okanye ezihlaziyiweyo ezenziwe ngamaxesha athile.

Icandelo 4. IINKONZO, IWEBHUSAYITHI NEAPP

4.1      Sinikezela ngeenkonzo zokunceda abasebenzi eziqhelekileyo (kuquka iinkonzo zokucebisa ngokweemvakalelo), ukufundiswa ngezempilo, iinkonzo zokunxibelelana zasekuhlaleni, iinkqubo zemivuzo nokonga (kuquka imivuzo, izinto zokukhuthaza, amathuba okubuyiselwa imali, iinkqubo zesaphulelo, amakhadi esipho nezinye izaphulelo zabathengi), neenkonzo zokuphawulwa kwabahlali, ezininzi zazo zifakwa kwi-intanethi ibe zonke zisenokufunyanwa kwiWebhusayithi okanye kwiApp (“Iinkonzo”). Imibutho Exhasayo idibana nathi ukuze ikhethe Iinkonzo eziza kufumaneka Kubantu Abayisebenzisayo Abaxhaswayo, kwaye iAkhawunti yakho iza kukuvumela ufumane kuphela Iinkonzo ezikhethwe Ngumbutho wakho Okuxhasayo. Ngokuqhelekileyo, Iinkonzo zethu zikuvumela ukuba wenze ezi zinto zilandelayo (ukuba zivunyelwe Ngumbutho Okuxhasayo):

(a)        ungene kwizinto ezahlukahlukeneyo zokukunceda nezixhobo zokukunceda (nabantu abaxhomekeke kuwe ukuba bakhona) ulawule iingxaki zobuqu emsebenzini okanye ekhaya, kuquka Iinkonzo ze-EAP njengokuba zicaciswe kwimimiselo yokusebenzisa;

(b)        ungene kwizaphulelo ezahlukeneyo zokutya, zokuthenga kwi-intanethi, ezasekuhlaleni nezokuthenga phakathi evenkileni nezamakhadi esipho;

(c)        ufumane imali onokuyisebenzisa efana nezinkozo kuthi (onokuyikhupha okanye uyisebenzise ukuze ufumane izaphulelo kwiWebhusayithi okanye iApp yethu) xa ugqiba isihlandlo sokuthenga esifanelekayo kuMthengisi ngokuhambiselana neCandelo 9 lale Mimiselo Yokusetyenziswa (“Imali Ebuyiswayo”);

(d)        ufumane Imivuzo oyinikwa nguMbutho Okuxhasayo ngenxa yento oyiphumeleleyo okanye enye into enento yokwenza nokuqeshwa kwakho (njengokuba kuchazwe ngokupheleleyo kwiCandelo 10 lale Mimiselo Yokusetyenziswa), onokuyisebenzisa ngokuhambiselana neCandelo 10 (“Umvuzo Owufumana Kwangoko”);

(e)        ufumane Imivuzo ngokuthatha inxaxheba kwiinkqubo zethu zezempilo nezinye izinto (njengokuba kuchazwe ngokupheleleyo kwiCandelo 10 lale Mimiselo Yokusetyenziswa), onokuyisebenzisa ngokuhambiselana neCandelo 10 (“Umvuzo Wezempilo”);

(f)         ukwazi ukungena kumacandelo ahlukeneyo Emivuzo ngokufumana amanqaku kwiinkqubo zethu Zezempilo nezinye izinto, okusenokuphumela ekufumaneni Imali Ebuyiswayo okanye Imivuzo Yezempilo (njengokuba kuchazwe ngokupheleleyo kwiCandelo 10 lale Mimiselo Yokusetyenziswa);

(g)        ugqithise inkcazelo ethile kuBantu Abayisebenzisayo Abaxhaswayo, kuquka ukuvuza okanye ukufumana imivuzo kwabanye Abantu Abayisebenzisayo Abaxhaswayo ngokuhambiselana neCandelo 12 lale Mimiselo Yokusetyenziswa;

(h)        ufumane izinto eziluncedo zempilo, kuquka kodwa kungaphelelanga Ekuhlolweni kwethu Kwemingcipheko Yempilo neenkqubo zokutshintsha indlela zokwenza izinto, okuchazwe kwiCandelo 10.4 nezinye izinto eziluncedo ezichazwe kwiCandelo 13.1 lale Mimiselo Yokusetyenziswa.

Izinto ezithile ezinento yokwenza nezi Nkonzo, kuquka imiqathango nemida esebenzayo kwezi Nkonzo, zicaciswe ngakumbi kule Mimiselo Yokusetyenziswa.

4.2      Ungena uze usebenzise iWebhusayithi neApp 'njengokuba injalo' 'njengokuba ifumaneka' ngokomngcipheko wakho. Asiqinisekisi ukuba ukungena kwakho nokusebenzisa iWebhusayithi okanye iApp akuzukuphazamiseka okanye kungabi nazimpazamo kangangokuba kuvunyelwa yimithetho esebenzayo.

4.3      Singatshintsha (okanye Umbutho wakho Okuxhasayo) okanye siyeke ukukunika izinto okanye iinkqubo ezithile eziyinxalenye yeeNkonzo zethu ngamaxesha athile ngaphandle kokuchaza kwangaphambili. Asikuqinisekisi ukuba nayiphi na into efakwayo ethile iza kufumaneka njengenxalenye yeeNkonzo kwiWebhusayithi okanye iApp, kangangoko kuvunyelwa ngumthetho osebenzayo.

4.4      Sinelungelo lokutshintsha indlela eyenziwe ngayo, izinto ezikhoyo kunye/okanye indlela esebenza ngayo iWebhusayithi kunye/okanye iApp kwaye sisenokuhlaziya okanye sitshintshe iintlobo zeApp ezinokudawunlowudwa. Awunyanzelekanga ukuba udawunlowude naziphi na izinto ezihlaziyiweyo okanye ezitshintshiweyo kwiApp kodwa sisenokuyeka ukuzenza zifumaneke okanye sizihlaziye izinto ezifakiweyo kwiintlobo zangaphambili zeApp.

4.5      IApp inokudawunlowudwa, kungenwe ize isetyenziswe kuphela kwisixhobo esisesakho okanye esoMbutho Okuxhasayo nesinenkqubo efanelekileyo eyenzelwe yona iApp, ngoko nguwe ekufuneka aqinisekise ukuba unesixhobo esifanelekayo esinayo yonke into yobugcisa efunekayo ukuze ukwazi ukudawunlowuda, ukungena nokusebenzisa iApp nezinto ezahlukeneyo ezikuyo.

Icandelo 5. UKUBHALISA IAKHAWUNTI

5.1      Ukuze usebenzise iiNkonzo, kufuneka ubhalise iAkhawunti efanelekayo kwaye:

(a)        ungumntu ozimeleyo;

(b)        uyavuma kwaye uqinisekisa ukuba ufikelele kwiminyaka apho unokukwazi ngokomthetho ukuzibophelela kule Mimiselo Yokusetyenziswa phantsi kwemithetho esebenzayo yelizwe lakho. Ukuba awukayifikeleli le minyaka ibe ufuna ukusebenzisa iiNkonzo zethu, umzali wakho okanye umntu okugcinayo kufuneka aqhakamshelane neLifeWorks ukuze avume ukuzibophelela ngokusemthethweni kule Mimiselo Yokusetyenziswa. Ukuba nanini na iLifeWorks ifumanisa ukuba awukayifikeleli iminyaka efanelekileyo kwaye awuyifumenanga imvume kumzali okanye umntu okugcinayo, sinelungelo, ngokokubona kwethu, lokunqumamisa okanye sivale iAkhawunti yakho;

(c)        ngokomlinganiselo wakho njengomzali okanye umntu ogcina umntwana kwaye umisela umntwana wakho/umntwana omgcinayo ukuba asebenzise ezi Nkonzo, uyavuma kwaye uqinisekisa ukuba umntwana wakho/umntwana omgcinayo uyahambiselana nale Mimiselo Yokusetyenziswa;

(d)        ubuncinane uneminyaka eyi-18 ukuba uza kubhatala ngekhadi letyala, ukhuphe Imali Ebuyiswayo okanye usebenzise Imivuzo;

(e)        ngalo lonke ixesha, uyakufanelekela ukusebenzisa Iinkonzo zethu ngokuhambiselana nemimiselo nemiqathango yeSivumelwano seSPO soMbutho Okuxhasayo;

(f)         uyavuma ukuhambiselana nale Mimiselo Yokusetyenziswa ukuba nje iAkhawunti yakho ivuliwe; kwaye

(g)        uqinisekisa ukuba inkcazelo ekwiAkhawunti yakho (kuquka ekwiprofayile) ichanile kwaye imane ihlaziywa xa kukho utshintsho olufunekayo.

5.2      Kufuneka uvule iakhawunti ngqo kuthi (kwiWebhusayithi okanye iApp) ukuze ukwazi ukusebenzisa Iinkonzo. Xa uvula iakhawunti, kufuneka unikeze ngezi zinto:

(a)        igama lakho elipheleleyo elisemthethweni;

(b)        idilesi yeimeyile echanileyo nesebenzayo;

(c)        nayiphi na enye inkcazelo esengqiqweni esiyicelayo njengenxalenye yenkqubo yokubhalisa (njengenombolo ekhethekileyo yomqeshwa, inombolo yomfundi, okanye inombolo yelungu, ukuba iyafunwa).

5.3      Uyavuma ukuba yonke inkcazelo osinika yona xa ubhalisa iAkhawunti iyinyani kwaye ichanile. Kufuneka usichazele ukuba itshintshile nayiphi na kule nkcazelo osinike yona enento yokwenza neAkhawunti yakho nanini na ebudeni bexesha lale Mimiselo Yokusetyenziswa.

5.4      Sinelungelo ngokokubona kwethu ukungavumi ukubhalisa nawuphi na Umntu Osenokuyisebenzisa ukuba loo Mntu Usenokuyisebenzisa akafuni ukusinika iinkcukacha ezifunwayo ngokuhambiselana nale Mimiselo Yokusetyenziswa okanye ukuba sinesizathu sokukholelwa ukuba naziphi na iinkcukacha esizinikiweyo sizinikwe zingeyonyani ngabom okanye bezingachananga.

5.5      Xa uvula iAkhawunti, kufuneka wenze Igama Olisebenzisayo (iza kuba yidilesi yakho yeimeyile) nephasiwedi ekufuneka ihambiselane nezinto esizifunayo zokhuseleko (ezisenokuquka ukugunyaziswa kube kanye nguMbutho Okuxhasayo). IAkhawunti yakho yeyakho wedwa ibe ayinakunikwa omnye umntu kwaye kufuneka ugcine Igama Olisebenzisayo nephasiwedi yakho iyimfihlo ngalo lonke ixesha. Nguwe oza kuphendula xa isetyenziswa kakubi iAkhawunti yakho kwaye kufuneka usixelele ngoko nangoko xa isetyenziswe kakubi okanye icinga ukuba isetyenziswe kakubi iAkhawunti yakho. Sinelungelo lokunqumamisa okanye ukuvala iAkhawunti yakho nanini na, kuquka ngeenjongo zokhuseleko.

5.6      Ungane Akhawunti enye kuphela; ukubhalisa iAkhawunti yesibini kuza kuba sisizathu sokuvalwa kwazo zonke iiAkhawunti ezinento yokwenza nawe okanye ezilawulwa nguwe ibe sinelungelo lokuphelisa naziphi na izinto ezifunyenwe nguwe okanye ezinceda wena ezinento yokwenza nezooAkhawunti singakhange sizidlulisele okanye sizibuyise ngaphambi kokuvala iakhawunti. 

5.7      Ngaphandle kokuchasana nayo nantoni na ekule Mimiselo Yokusetyenziswa, ukuba usinika inkcazelo engachananga okanye eqathayo ngabom okanye wenza okanye uncedisa ekwenzeni izinto ezibubuqhetseba, ezingekho mthethweni, ezixhaphazayo okanye ezingafanelekanga ngeWebhusayithi okanye iApp yethu, sisenokuyinqumamisa okanye siyivale iAkhawunti yakho ngaphandle kokukuchazela kwangaphambili ibe usenokulahlekelwa nayiphi na imali ekwiMali Ebuyiswayo okanye iAkhawunti yakho yeMivuzo. NGAPHEZU KOKO, UKUBA WENZA OKANYE UNCEDISA EKWENZIWENI KWEZINTO EZIBUBUQHETSEBA, EZINGEKHO MTHETHWENI, EZIXHAPHAZAYO OKANYE EZINGAFANELEKANGA KWIWEBHUSAYITHI OKANYE I-APP YETHU, SINELUNGELO LOKUZICHAZA EZO ZINTO ZENZIWEYO KUMBUTHO OKUXHASAYO NABASEMAGUNYENI, KUQUKA NENTO OYENZILEYO KANYE KANYE WENA XA BEKUSENZIWA EZO ZINTO.

5.8      Ezinye Izivumelwano zeSPO azikuvumeli ukuvulwa kweeAkhawunti Zabantu Abaxhomekekileyo. Kwiimeko ezithile, Isivumelwano seSPO sethu kunye noMbutho Okuxhasayo sisenokufuna ukuba Abantu Abaxhomekekileyo bavule iiAkhawunti ezinemida okanye ezinemiqhathango. Xa eneAkhawunti enemida okanye imiqathango, loo Mntu Uxhomekekileyo Oyisebenzisayo akazukwazi ukuzifumana ezinye izinto okanye Iinkonzo zethu ezifumanekayo Kubantu Abayisebenzisayo boMbutho Oxhasayo.

Icandelo 6. ABANTU ABAYISEBENZISAYO ABANGEKHO KULO MMANDLA; ABANTU ABAYISEBENZISAYO ABANGABEMI ABAHLALA KWAMANYE AMAZWE

6.1      Ezi Nkonzo (kuquka iWebhusayithi neApp) zenziwe kwaye zenzelwe ukuba uzifumana uze uzisebenzise ukummandla ochazwe Kwisivumelwano seSPO soMbutho Okuxhasayo. Ngenxa yaloo nto, Iinkonzo ezifumaneka Kubantu Abayisebenzisayo abakuloo Mmandla zisenokungafumaneki okanye zingasebenzi kakuhle Kubantu Abayisebenzisayo abangekho kuloo Mmandla. Umbutho Okuxhasayo unokukuchazela Ummandla wakho okanye uqhakamshelane nathi ngeWebhusayithi kunye/okanye iApp. Uyavuma kwaye uyavumelana ukuya kutsho kumlinganiselo ovumelekileyo ngokomthetho osebenzayo ukuba:

(a)        asiqinisekisi ukuba nabaphi na Abantu Abayisebenzisayo abangekho kuloo Mmandla baza kukwazi ukufumana okanye basebenzise zonke okanye naziphi na Iinkonzo okanye iWebhusayithi kunye/okanye neApp;

(b)         asiqinisekisi nangayiphi na indlela ukuba Iinkonzo, iWebhusayithi okanye iApp ziyahambiselana nayo nayiphi na imithetho okanye imiqathango esebenzayo ngaphandle kwaloo Mmandla; kwaye

(c)        asizukuba netyala kuwe layo nayiphi na into elahlekileyo, eyonakeleyo, imali okanye iindleko ozifumeneyo okanye ozibhateleyo ngenxa yebango lokuba Iinkonzo, iWebhusayithi okanye iApp ayisebenzi ngokuhambiselana nale Mimiselo Yokusetyenziswa kuloo ndawo engekho kuloo Mmandla okanye ngenxa yokuba Iinkonzo, iWebhusayithi okanye iApp azihambiselani nawo nawuphi na umthetho okanye umqathango osebenzayo ngaphandle kwaloo Mmandla kwaye nakuphi na ukungasebenzi akuzukujongwa njengokwaphula le Mimiselo Yokusetyenziswa.

6.2      Ukuba ungummi ohlala kwelinye ilizwe woMbutho Okuxhasayo okanye uhlala (okwexeshana okanye ngokusisigxina ngaphandle kwaloo Mmandla):

(a)        ungafumana inkcazelo engakumbi ngokufumaneka nokusebenza kweWebhusayithi kunye/okanye neApp ngokuqhakamshelana nathi okanye Umbutho Okuxhasayo.

(b)        ukusebenzisa nokufumana kwakho iWebhusayithi okanye iApp kuza kujongwa nguwe nasithi njengokuba ukwenza ukuloo Mmandla, ngokuhambiselana nazo naziphi na izinto ezongezelelekileyo ezisebenzayo kuwe ezichazwe kwiSihlomelo 3 sale Mimiselo Yokusetyenziswa; kwaye

(c)        ngaphandle kwakwizinto ezifumaneka kubathengisi okanye iinkampani esisebenzisana nazo (njengeeVenkile), okanye apho kungavunyelwayo ngumthetho okanye yimiqathango esebenzayo ngaphandle kwaloo Mmandla, siza kuzama kangangoko kufanelekile kwezoshishino ukuba uzifumane zonke Iinkonzo, kuxhomekeke ekufumanekeni kwezoo Nkonzo kwiLizwe ohlala kulo.

Icandelo 7. UKUKHUSELWA KWENKCAZELO NEZINTO EZIYIMFIHLO

7.1      Le Mimiselo Yokusetyenziswa, kunye neMimiselo Yokusetyenziswa yeWebhusayithi yethu, iPolisi yethu Yezinto Eziyimfihlo (nganye iyafumaneka ku- www.help.lifeworks.com, njengokuba nganye isenokutshintshwa ngamaxesha athile) yiyo elawula ukuqokelela, izinto ekufuneka ziyimfihlo, ukusetyenziswa, ukugqithisa, ukugcina nokutshatyalaliswa kwayo nayiphi na Inkcazelo Yobuqu oyinika iLifeWorks kwiWebhuysayithi kunye/okanye neApp, kuquka nayiphi na Inkcazelo Yobuqu ebekho ngenxa yokusebenzisa kwakho ezi Nkonzo. Nceda uhlole uze ufunde iPolisi Yezinto Eziyimfihlo yethu kuba inenkcazelo ebalulekileyo ekufuneka uyazi ngenkcazelo yakho nenye Inkcazelo Yobuqu ngawe.

7.2      KUXHOMEKEKE KUMTHETHO OSEBENZAYO, UNGAKWAZI UKUNGAVUMI UKUGUNYAZISA UKUBA SIQOKELELE, SISEBENZISE, SIGQITHISE, SIGCINE KUNYE/OKANYE SITSHABALALISE INKCAZELO YAKHO YOBUQU NGOKUKHETHA UKUNGABHALISI IAKHAWUNTI UZE UNGAZIFUMANI NAZIPHI NA KWEZI NKONZO. XA SELE UNIKEZELE NGEMVUME YAKHO KWI-LIFEWORKS, UNGAYIRHOXISA IMVUME YAKHO YONKE OKANYE INXALENYE YAYO NANINI NA KODWA UKURHOXISA KWAKHO IMVUME KUZA KUCHAPHAZELA IINKONZO I-LIFEWORKS EKWAZIYO UKUKUNIKA ZONA IBE KUSENOKUNCIPHISA UKUKWAZI KWAKHO UKUZESEBENZISA IZINTO EZIKWIWEBHUSAYITHI KUNYE/OKANYE NE-APP. UKUBA UYAYIRHOXISA IMVUME YAKHO NGOKUPHELELEYO SISENOKUVALA IAKHAWUNTI YAKHO NGOKO NANGOKO.

7.3      NGAPHANDLE KWALAPHO KUNGAVUMELEKANGA OKANYE KUKHO IMIQATHANGO KHONA NGENXA YOMTHETHO, NGOKUVULA IAKHAWUNTI NOKUVUMELANA NALE MIMISELO YOKUSETYENZISWA, UYAYIKHULULA I-LIFEWORKS KULO NALIPHI NA ITYALA ELINOKUVELA NGENXA YOKUQOKELELA, UKUSEBENZISA, UKUGQITHISA, UKUGCINA KUNYE/OKANYE NOKUTSHABALALISA KWETHU INKCAZELO YAKHO YOBUQU NGOKUHAMBISELANA NALE MIMISELO YOKUSETYENZISWA NAKWIPOLISI YETHU YEZINTO EZIYIMFIHLO (IKOPI ESEXESHENI IYAFUMANEKA KU- WWW.LIFEWORKS.COM).

Icandelo 8. ABATHENGISI

8.1      Njengenxalenye yeeNkonzo, sisenokunikeza (ngeWebhusayithi okanye iApp) ngeelinki zeewebhusayithi zenye okanye ezingakumbi Zabathengisi beemveliso okanye iinkonzo. Inombolo negama Labathengisi lisenokutshintsha ngamaxesha athile, ngokokubona kwethu, ibe ukuthatha inxaxheba kwakhe nawuphi na Umthengisi akuzukukongwa njengokuxhasa kwethu loo Mthengisi. Ngokucofa iilinki zeewebhusayithi ezikwiWebhusayithi okanye iApp yethu usenokukhetha ukuthenga izinto okanye iinkonzo okanye ufumane Ikhowudi Yesizathu oza kuyisebenzisa xa uthenga kwabo Bathengisi. Nantoni na oyithengayo kuMthengisi iza kuba phantsi kwemimiselo nemiqathango yakhe kwaye nguwe njengomthengi ekufuneka afunde kakuhle loo mimiselo nemiqathango. Kwizinto ezinento yokwenza naBathengisi, uyavuma ukuba:

(a)        asizukuphendula ngento eyenziwa okanye eshiyiweyo nguMthengisi;

(b)        asizixhasi izinto okanye iinkonzo ezifumaneka kuMthengisi kwaye nguwe ekufuneka aneliseke ukuba iimveliso okanye iinkonzo zisemgangathweni kwaye ziyafaneleka, imimiselo yokuthengwa kwazo kunye nokufaneleka nokuthembeka koMthengisi;

(c)        nayiphi na inkcazelo evela kwiWebhusayithi okanye iApp enento yokwenza noMthengisi (“Inkcazelo NgoMthengisi”) ifunyenwe kuMthengisi, imela into ethethwa nguloo Mthengisi kwaye nguloo Mthengisi ekufuneka aphendule ngayo;

(d)        asizukuphendula ngayo nayiphi na Inkcazelo NgoMthengisi;

(e)        Ukuba ukhetha ukuthenga izinto okanye iinkonzo okanye ufumane Ikhowudi Yesizathu oza kuyisebenzisa xa uthenga kuMthengisi: (1) into oyithengayo iza kuhambiselana nesivumelwano esiphakathi kwakho noMthengisi kuphela, ngokwemimiselo enivumelene ngayo wena noMthengisi; kwaye (2) I-LifeWorks ayizukuba yinxalenye yeso sivemelwano ibe ayisithi ekuza kufuneka nangayiphi na indlela baqinisekise ukuba loo Mthengisi wenza ngokweso sivumelwano okanye ukuqinisekisa ngomgangatho okanye ukukhuseleka kwezinto okanye iinkonzo ozifumana kuloo Mthengisi, kuquka ezihambiselana nesivumelwano;

(f)         into yokuba kufuneka sikubhatale Imali Ebuyiswayo enento yokwenza nezinto okanye iinkonzo ezifanelekayo ozithengileyo kuMthengisi iza kuxhomekeka ekubeni loo Mthengisi aqale asibhatale iKomishini Yomthengisi efunekayo (funda Icandelo 9.1 lale Mimiselo Yokusetyenziswa) kwaye akuzukufuneka siphendule kuwe okanye kufuneke siqinisekise ukuba uyayibhatalwa (okanye ibe sithi abanetyala lokubhatala xa ungabhatelwanga) iKomishini Yomthengisi efunekayo evela kuMthengisi ize kuthi (nangona le nto ingatshintshi okanye inciphise into yokuba kufuneka sikubhatale Imali Ebuyiswayo ngenxa yeKomishini Yomthengisi esiyibhatelweyo eqinisekisiweyo ngokwale Mimiselo Yokusetyenziswa); kwaye

(g)        xa kukho nayiphi na ingxaki ngemveliso okanye inkonzo oyithenge kuMthengisi, yonke imibuzo okanye izikhalazo ezinento yokwenza neemveliso ezinengxaki okanye iinkonzo zifanele zithunyelwe kuMthengisi wazo ngaphandle kwemibuzo enento yokwenza neMali Ebuyiswayo kuphela, yona kufuneka ithunyelwe kwiLifeWorks ngeimeyile ethi support@lifeworks.com.

Icandelo 9. IMALI EBUYISWAYO (ISEBENZA KUPHELA XA IFUMANEKA KWILIZWE LAKHO KWAYE UMBUTHO OKUXHASAYO EYIVUMELE)

9.1      Xa usebenzisa iWebhusayithi okanye iApp, uza kukwazi ukubona ixabiso leMali Ebuyiswayo efumanekayo xa uthenga kuMthengisi. Ixabiso leMali Ebuyiswayo efumanekayo liza kutshintsha ngamaxesha athile kwaye liza kuxhomekeka kuloo nto ithengwayo. Imali Ebuyiswayo esimele sikubhatale yona enento yokwenza nokuthenga kwakho into efanelekayo kuMthengisi iyinxalenye ethile yemali ekufuneka siyibhatalwe (“iKomishini Yomthengisi”) nguMthengisi okanye ngummeli wakhe ngokwemimiselo yesivumelwano sethu noMthengisi (okanye iinkampani eziphantsi kwakhe) ngokuhambiselana nokuthenga okufanelekayo phakathi kwakho noMthengisi. Ukukubhatala kwethu Imali Ebuyiswayo kuchazwe ngokupheleleyo kuphela kule Mimiselo Yokusetyenziswa kungekhona olunye uxwebhu okanye indawo.

9.2      Siza kukuchazela size sifake imali yakho kwiCashBack Wallet xa sifumana iKomishini Yomthengisi kuMthengisi yokuthenga kwakho okufanelekayo kuloo Mthengisi. Xa sele uchazelwe ukuba kukho Imali Ebuyiswayo onokuyifumana, ungayikhupha Imali Ebuyiswayo ngokusichazela ngokuhambiselana nale Mimiselo Yokusetyenziswa nangokulandela imiyalelo ekwiWebhusayithi okanye iApp; kodwa keukuba nje, iCashBack Wallet yakho ubuncinane ine£5.00 (“Eyona Mali Incinci”) ngaphambi kokuba ukhuphe imali. Nangona ixabiso leMali Ebuyiswayo lisenokwahluka, ixabiso leyona Mali Ebuyiswayo incinci onokuyikhupha Yeyona Mali Incinci.

9.3      Yonke imali ekhutshwa kwiCashBack Wallet iza kubhatalwa kwiakhawunti yePayPal oyikhethileyo okanye kwezinye iindlela zokubhatalwa okanye zokukhupha imali esinazo ngamaxesha athile ngokokubona kwethu; kodwa ke, , sinelungelo lokutsala imali yokuyikhupha ukuba sinayo nayiphi na indlela yokukhupha imali kwiCashBack Wallet yakho. Uza kuchazelwa ngezo mali zokuyikhupha ngaphambi kokuba itsalwe. Xa ucela ukukhupha imali, kufuneka ufake iinkcukacha zeakhawunti kaPayPal okanye enye iakhawunti yokukhupha imali ofuna ukufumana kuyo Imali Ebuyiswayo oyikhuphayo (“Indlela Yokukhupha Imali Ebuyiswayo Oyikhethayo”). Ungakhupha inxalenye okanye yonke Imali Ebuyiswayo efumanekayo kwiCashBack Wallet yakho usebenzisa Indlela Yokukhupha Imali Ebuyiswayo Oyikhethayo nanini na ngokuhambiselana nezinto ezichazwe kweli Candelo 9. Ukuba loo nto yenziwe yasebenza kwizinto ozikhethayo zeAkhawunti yakho, ungakhetha ukuyikhupha ngokuzenzekelayo Imali Ebuyiswayo. Nguwe ekufuneka aqinisekise ukuba Indlela Yokukhupha Imali Ebuyiswayo Oyikhethayo iyafaneleka kwaye iyakwazi ukufumana imali oyikhuphileyo (kuquka ethunyelwa ngokuzenzekelayo) ngoxa iAkhawunti yakho isasebenza. UYAVUMA UKUBA, UKUBA UFAKE IINKCUKACHA EZINGACHANANGA KWINDLELA YOKUKHUPHA IMALI EBUYISWAYO OYIKHETHAYO, NAYIPHI NA IMALI EBHATELWEYO KULOO AKHAWUNTI IKHETHIWEYO AYINAKUPHINDA IBHATALWE KWAYE SIZA KUYITHATHA NJENGOKUBA IBHATELWE NGOKUPHELELEYO.

9.4      Uyavuma ukuba Imali Ebuyiswayo iza kufumaneka kuphela njengenxalenye (a) yezinto ezithengiweyo ezikhethwe nguMthengisi apho ukuthenge kwi-intanethi ngokuya kwiwebhusayithi yaloo Mthengisi ngqo usebenzisa ilinki efanelekayo ekwiWebhusayithi okanye iApp, (b) yokuthengwa kwamakahdi esipho athile ngelinki efanelekayo ekwiWebhusayithi okanye iApp, okanye (c) xa kuchazwe ngokucacileyo kwisaphulelo esithile kwiWebhusayithi okanye iApp.

9.5      Akukho Mali Ebuyiswayo oza kuyifumana okanye uyibhatalwe (kwaye, ukuba iKomishini Yomthengisi efunekayo siyibhatelwe, iza kuphelela kuthi) ukuba:

(a)        iAkhawunti yakho yeMali Ebuyiswayo ayinayo Eyona Mali Incinci;

(b)        uthenge nangeyiphi na enye indlela (kuquka xa uthenge ngefowuni okanye ngeleta okanye ngokungena kwiwebhusayithi yoMthengisi ngenye indlela engeyiyo ilinki yewebhusayithi efanelekayo efakwe kwiWebhusayithi okanye iApp);

(c)        ukuthenga kwakho kuyarhoxiswa nangasiphi na isizathu emva kokuba uthengile, kuquka nguMthengisi kwaye kuquka iimeko apho ezo zinto zithengiweyo zibuyiselwe kuMthengisi;

(d)        uthenge ngobuqhetseba okanye kuthenge umntu omela wena ngobuqhetseba okanye ukuze kungenelwe omnye umntu ongenguwe Umntu Oyisebenzisayo ofanelekayo;

(e)        thina okanye Umthengisi sinezizathu ezisengqiqweni zokukrokrela ukuba uthenge ngobuqhetseba;

(f)         ngokokubona kwethu, sifumanisa ukuba Imali Ebuyiswayo uyinikwe ngempazamo;

(g)        iAkhawunti yakho ubuncinane ineenyanga eziyi-12 ingasetyenziswa;

(h)        sifumanisa ukuba awuzifikeleli okanye uyekile ukuzifikelela izinto ezifunekayo ezichazwe kwiCandelo 5.1 lale Mimiselo Yokusetyenziswa; okanye

(i)         iAkhawunti yakho iyavalwa ngenxa yaso nasiphi na isizathu (kuquka xa Isivumelwano seSPO siphelelwa okanye xa thina okanye Umbutho Okuxhasayo ephelisa Isivumelwano seSPO ngenxa yaso nasiphi na isizathu) kwaye awuyikhuphanga Imali Ebuyiswayo eshiyekileyo kwiCashBack Wallet yakho ngaphambi kokuphela kwexesha elichazwe kwiCandelo 21.5 lale Mimiselo Yokusetyenziswa.

9.6      Sisenokwenza into ekuvumela ukuba ufake ikhadi elithile lokuthenga ngetyala okanye elebhanki kwiAkhawunti yakho kwaye izinto ozithengayo ezifanelekayo ozithenga kuBathengisi usebenzisa elo khadi zisenokwenza ufumane Imali Ebuyiswayo oza kuchazelwa ngayo kwiWebhusayithi okanye iApp. Nguwe ekufuneka aqinisekise ukuba ngabantu obavumeleyo kuphela abasebenzisa ikhadi lokuthenga ngetyala okanye ikhadi lebhanki elifakwe kwiAkhawunti yakho.

9.7      Uyavuma ukuba:

(a)        ukuze silandelelele iimali ekufuneka zithunyelwe kwiCashBack Wallet yakho kufuneka sisebenzise iinkqubo zezinye iinkampani ezisetyenziswa nguMthengisi esingakwazi tu ukuzilawula nezifuna ukuba sigqithise Inkcazelo Yobuqu yakho ethile kuBathengisi (kuquka ukuyithumela kwezi nkqubo zezinye iinkampani); kwaye

(b)        ilungelo lakho lokufumana Imali Ebuyiswayo lisenokuchaphazelwa (ibe kwezinye iimeko, kuthintelwe ngokupheleleyo) ziisetingi ezithile okanye iimveliso ze-software ezifakwe kwikhompyutha okanye isixhobo se-elektroniki sakho ethintela Umthengisi ekulandeleleni izinto ozenzayo, njengokuthintelwa kwee-cookie okanye ukusebenzisa i-anonymiser ukuze ungene kwiAkhawunti yakho okanye iwebhusayithi yoMthengisi.

9.8      Ukuba ingxaki yezobugcisa kwiinkqubo zoMthengisi, okanye ukungahambiselani kweesetingi kwikhompyutha okanye isixhobo se-elektroniki sakho, kuthintela uMthengisi ekulandeleleni xa uthenga into eza kwenza ufanelekele ukufumana Imali Ebuyiswayo, Imali Ebuyiswayo efanelekayo usenokungayifumani kuthi ibe sisenokungakwazi ukukubhatala yona. Ukuba uMthengisi usinika Ikomishini Yomthengisi engachazwanga kakuhle ukuba ihambiselana neyiphi into ethengiweyo nguMntu Oyisebenzisayo, loo Mali Ebuyiswayo iza kuphelela kuthi.

9.9      Ukukwazi kwakho ukukhupha Imali Ebuyiswayo kuxhomekeke ekubeni siqale thina siyifumane loo mali iyiKomishini Yomthengisi efanelekayo evela kuMthengisi. Uyavuma ukuba:

(a)        ayisithi ekufuneka baphendule ibe asinatyala kuwe lokuba siza kuqinisekisa ukubhatalwa kweKomishini Yomthengisi nguye nawuphi na uMthengisi;

(b)        Xa kufuneka uMthengisi asibhatale iKomishini Yomthengisi, kusenokuthatha (kwiimeko eziqhelekileyo) ukuya kutsho kwiintsuku eziyi-90 ngaphambi kokuba siyifumane imali ebhatelweyo yeKomishini Yomthengisi evela kuMthengisi, kodwa loo nto iza kuxhomekeka kuloo Mthengisi uthile kwaye ngokuqhelekileyo ixesha alithathayo uMthengisi ukuba asibhatale iKomishini Yomthengisi lisenokudlula kwiintsuku eziyi-90; kwaye

(c)        akunyanzelekanga ukuba silandelelele uMthengisi ukuba abhatale iKomishini Yomthengisi kodwa ngokokubona kwethu sisenokukhetha ukuyenza loo nto (nangona ngokuqhelekileyo singayenzi loo nto zide ziphele iintsuku eziyi-90 ukususela ngexesha ekuthengwe ngalo into efanelekayo ebiza kuphela ekubeni kubhatalwe iKomishini Yomthengisi). Ungakhetha, uze uzibhatale ngokwakho iindleko, ukulandelelela uMthengisi ukuba abhatale Imali Ebuyiswayo onelungelo lokuyifumana ngokuthe ngqo, kuquka kodwa kungaphelelanga, xa sigqibe ekubeni singamlandeleleli uMthengisi ukuba abhatale iKomishini Yomthengisi ebiza kubhatalwa, iyonke okanye inxalenye yayo ibe yiMali Ebuyiswayo yakho; kodwaukuba nje, awuzukugunyaziswa ukuba ungumntu ofanele afumane into ngenxa yesivumelwano esiphakathi kwethu noMthengisi.

9.10    Ukuba ngenxa yengxaki yezobugcisa, eyezinto ezibhalwayo okanye enye ingxaki, imali eshiyekileyo eyiMali Ebuyiswayo kwiCashBack Wallet yakho idlulile kwixabiso elichanileyo, kufuneka usichazele ngoko nangoko. Awuvumelekanga ukuba ukhuphe Imali Ebuyiswayo ongafanelanga ukuyifumana ibe sinelungelo lokuba sitsale imali ekhutshiweyo engafanelekanga kwiMali Ebuyiswayo kwixesha elizayo osenokufanelekela ukuyifumana.

9.11    Ngokokubona kwethu, ibe kuxhomekeke kwiSivumelwano seSPO soMbutho Okuxhasayo okanye Iinkonzo Umbutho Okuxhasayo ozikhethileyo, sisenokunika Abantu Abayisebenzisayo abathile iinkqubo eziphuculiweyo zeMali Ebuyiswayo okanye ezinye izaphulelo ezikhethekileyo ngamaxesha athile. Naziphi na iinkqubo eziphuculiweyo zeMali Ebuyiswayo ziza kubhatalwa nyanga nganye ngokokufaneleka ibe ziza kufumaneka ukuze zikhutshwe kwiCashBack Wallet yoMntu Oyisebenzisayo emva kokuba uMthengisi ofanelekayo eqinisekisile ukuba Umntu Oyisebenzisayo ukugqibile ukuthenga okufanelekayo.

9.12    Sinelungelo lokurhoxisa nokuxhutha nayiphi na Imali Ebuyiswayo ephuculiweyo efakwe kwiCashBack Wallet yoMntu Oyisebenzisayo ukuba loo nto ithengiweyo efanelekayo itshintshiwe ngenxa yokubuyiswa okanye ukubuyiswa kwemali okanye sikrokrela ukuba kukho ubuqhetseba obenziweyo.

9.13    Ngaphandle kuchazwe ngokucacileyo ngenye indlela kule Mimiselo Yokusetyenziswa, yonke imimiselo esebenza kwiMali Ebuyiswayo iza kusebenza nakwiMali Ebuyiswayo ephuculiweyo.

9.14    Sinelungelo lokutshintsha, sirhoxise, siphelise okanye siyekise nayiphi na Imali Ebuyiswayo ephuculiweyo ngokokubona kwethu nanini na; kodwa keukuba nje, loo nto ayizukuchaphazela ilungelo loMntu Oyisebenzisayo lokufumana Imali Ebuyiswayo ephuculiweyo efakwe kwiCashBack Wallet yakhe ngaphambi komhla esitshintshe, sarhoxisa, saphelisa okanye sayiyekisa ngalo.

Icandelo 10. IMIVUZO- IMIMISELO ESEBENZA KUBANTU ABAYISEBENZISAYO (ISEBENZA KUPHELA XA IFUMANEKA KWILIZWE LAKHO KWAYE UMBUTHO OKUXHASAYO EYIVUMELE)

10.1    Imivuzo Efumaneka Kwangoko. Ukuba uMbutho Okuxhasayo ukhethe ukuba neMivuzo Efumaneka Kwangoko:

(a)        Umbutho Okuxhasayo usenokukunika Umvuzo Ofumaneka Kwangoko ngamaxesha athile ovela kwiakhawunti efumana imali kuMbutho Okuxhasayo. Imivuzo Efumaneka Kwangoko isenokukhutshwa izindidi ezisusela kwi£10.00 ukuya kutsho kwi£500 (okanye ezinye iindidi esinokuzenza zifumaneke kuMbutho Okuxhasayo ngokuhambiselana neSivumelwano seSPO ngamaxesha athile). Ukuba uMbutho Okuxhasayo ukunika Umvuzo Ofumaneka Kwangoko siza kukuchazela ngeimeyile okanye ngomyalezo okwi-app yakho ukuba isixhobo sakho senziwe sakuvumela ukwamkela nokuveza imiyalezo enjalo.

(b)        Xa Umvuzo Ofumaneka Kwangoko ufakiwe kwiAkhawunti yakho, uza kufumana loo Mvuzo Ufumaneka Kwangoko uyimali onokuyifumana kwiakhawunti yemivuzo edityaniswe neAkhawunti yakho (“iAkhawunti Yemivuzo” yakho). IMIVUZO EFUMANEKA KWANGOKO KUFUNEKA ISETYENZISWE ZINGEKAPHELI IINYANGA EZIYI-12 EMVA KOKUBA IFAKIWE KWIAKHAWUNTI YEMIVUZO YAKHO. NAWUPHI NA UMVUZO OFUMANEKA KWANGOKO OWUNIKIWEYO ONGASETYENZISWANGA KWIINYANGA EZIYI-12 UZA KUPHELELWA IBE LOO MALI YAWO IZA KUPHELELA KUTHI. UKUBA UVALA IAKHAWUNTI YAKHO NGENXA YASO NASIPHI NA ISIZATHU, UZA KUBA NEENTSUKU EZIYI-90 UKUSUSELA NGOMHLA OYIVALE NGAWO UKUBA USEBENZISE NAYIPHI NA IMIVUZO EFUMANEKA KWANGOKO EKWIAKHAWUNTI YEMIVUZO YAKHO IBE EMVA KOKO NAYIPHI NA IMIVUZO EFUMANEKA KWANGOKO ENGASETYENZISWANGA IZA KUPHELELA KUTHI. Kule meko, asizukuba natyala lakho elinento yokwenza nalo Mvuzo Ofumaneka Kwangoko. Ungasebenzisa Imivuzo yakho kwiAkhawunti Yemivuzo yakho ngokuhambiselana neCandelo 10.6(b) elingezantsi. 

(c)        Imivuzo Oyifumana Kwangoko isenokuba yingeniso emele irhafelwe nguwe ibe isenokuba phantsi kwemithetho yokutsalwa kwemali emiselwe ngamagunya erhafu asekuhlaleni omele uyithobele okanye ithotyelwe nguMbutho Okuxhasayo. I-LifeWorks ayimeli okanye iqinisekise izinto ezifunekayo zerhafu okanye imiphumo kwirhafu esenokusebenza okanye ingasebenzi kwiMivuzo Oyifumana Kwangoko.

10.2    Iimpazamo zeMivuzo Oyifumana Kwangoko. Ukuba uMvuzo Owufumana Kwangoko ufakwa kwiAkhawunti yakho ngempazamo:

(a)        Sinelungelo lokuwurhoxisa wonke loo Mvuzo Owufumana Kwangoko nanini na emva koko ngaphandle kokukwazisa kwangaphambili ibe awuzukwazi ukusebenzisa loo Mvuzo Owufumana Kwangoko.

(b)        Ukuba impazamo yindidi engachananga (i) sinelungelo lokurhoxisa loo nxalenye yoMvuzo Owufumana Kwangoko engaphezulu kodidi olufanelekileyo olunikwe nguMbutho Okuxhasayo, kwaye (ii) siza kulungisa nakuphi na ukunikwa kwemali eshotayo xa siqinisekisile ukuba iyashota kuMbutho Okuxhasayo. 

(c)        Siza kukwazisa ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Ukuba ngexesha esikwazisa ngalo sele uwusebenzisile Umvuzo Ofumaneka Kwangoko, asizukunyanzeleka ukuba sifake umvuzo Kwindlela Yokuwusebenzisa Oyikhethileyo (Indlela oyikhethileyo yokufumana umvuzo wakho, njengekhadi lesipho). Ukuba sele siyithumele Indlela Yokuwusebenzisa Oyikhethileyo kuwe, sisenokukucela ukuba uyibuyisele kuthi, ibe kuloo meko iindleko zokuyibuyisa ziza kubhatalelwa sithi zingekapheli iintsuku eziyi-30 emva kokuba sikubhalele sakucela uba wenze loo nto. Xa kufanelekile, xa siyifumene Indlela Yokuwusebenzisa Oyikhethileyo ebuyiswayo, siza kuphinda sikuthumelele Umvuzo Ofumaneka Kwangoko uyindidi echanileyo kwangolo suku.

10.3    Utshintsho Kwinkqubo YeMivuzo Efumaneka Kwangoko. Kuxhomekeke kwiSivumelwano seSPO, ngokokubona kwethu sisenokurhoxisa okanye siphelise inkqubo yoMvuzo Ofumaneka Kwangoko esebenzayo kuwe nanini na nangasiphi na isizathu. Xa kunokwenzeka, siza kukwazisa kwangaphambili. Ukuba sinqumamisa okanye siphelise inkqubo yoMvuzo Ofumaneka Kwangoko esebenzayo kuwe, ekuphela kwendlela onokuyisebenzisa kukuba sisenokuwushiya uMvuzo Ofumaneka Kwangoko wakho kwiAkhawunti Yemivuzo yakho okanye, ngokokubona kwethu, sithumele uMvuzo Ofumaneka Kwangoko wakho kwiCashBack Wallet yakho.

10.4    Imivuzo Yezempilo. Ukuba uMbutho Okuxhasayo ukhethe ukuba neMivuzo Yezempilo:

(a)      Ungafumana iMivuzo Yezempilo ngokugqiba izinto ekufuneka zenziwa ezithile ezichazwe kwiWebhusayithi okanye iApp (ngokomzekelo, ukugqiba ukuphendula imibuzo yokuhlola, ukufunda izinto ezifakiweyo okanye ukuthatha inxaxheba kwinto ethile). Ukuze ufumane uludwe olupheleleyo lweMivuzo Yezempilo, kuquka amanqaku owafumanayo ngokwenza into nganye, amanqanaba emivuzo nezinye izinto ezifunyanwayo nezenziwayo, nceda uye ku-help.lifeworks.com. Sisenokutshintsha amanqaku eMivuzo Yezempilo, amanqanaba, izinto ezimele zenziwe, ezinye izinto ezenziwayo okanye ezinye izinto zenkqubo ngamaxesha athile ngokokubona kwethu, kuquka ukubonisa Abantu Abayisebenzisayo izinto ezithile abanokuzenza okanye ukuze sisabele ngokuhambiselana nenkcazelo yaBantu Abayisebenzisayo okanye ezinye izimvo esizifumanayo. Amanqaku eMivuzo Yezempilo, amanqanaba, izinto ezimele zenziwe, ezinye izinto ezenziwayo nezinye izinto zenkqubo zisenokwahluka ngokwendawo okuyo. Umbutho Okuxhasayo usenokwenza izinto ezenziwayo ezithile zabaqeshwa bawo ukuze bafumane iMivuzo Yezempilo eyongezelelekileyo.

(b)      Xa ufikelela kwiMivuzo Yezempilo, uza kufumana Umvuzo Wezempilo kwiAkhawunti Yemivuzo yakho. Ungasebenzisa Imivuzo yakho kwiAkhawunti Yemivuzo yakho ngokuhambiselana neCandelo 10.6(b) elingezantsi.

10.5    Ezinye Iinkqubo zeMivuzo. Ngamaxesha athile, sisenokwenza ezinye iinkqubo zemivuzo size sizenze zifumaneke kwiMibutho Exhasayo. Ukuba uMbutho Okuxhasayo ukhethe ukuba nenye okanye ezingakumbi kwezi nkqubo zeMivuzo (xa zidibene zibizwa ngokuthi “Eminye Imivuzo”), usenokucelwa ukuba uvumelane nemimiselo nemiqathango eyahlukileyo esebenza kwezo nkqubo Zeminye Imivuzo zinjalo. Xa uqokelela, ufikelela okanye ufumana Eminye Imivuzo, Eminye Imivuzo yakho iza kufakwa kwiAkhawunti yakho ibe uza kufumana Eminye Imivuzo iyimali ongayisebenzisa kwiAkhawunti Yemivuzo yakho. Ungasebenzisa Eminye Imivuzo yakho kwiAkhawunti Yemivuzo yakho ngokuhambiselana neCandelo 10.6(b) elingezantsi.

10.6    Indlela Abantu Abayisebenzisayo Abanokuyisebenzisa Ngayo Imivuzo.

(a)        Ungasebenzisa nayiphi na Imivuzo kwiAkhawunti Yemivuzo yakho ngokukhetha indawo yokuyisebenzisa kwiWebhusayithi okanye iApp (“Indlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo”) uze uhambiselane nezinto ezifunekayo, imiyalelo nemiqathango esebenzayo kuloo Ndlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo. Indlela oyikhethayo ayinakutshintshwa. Emva kokukhetha Indlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo, awunakuyitshintsha, uyirhoxise okanye ufune ukubuyiselwa imali yendlela oyikhethileyo. Kodwa ke, ukuba ukhethe Indlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo ize loo ndlela ingafumaneki ngenxa yaso nasiphi na isizathu, siza kukuchazela ibe uza kukwazi ukukhetha Indlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo eyahlukileyo, ibe leyo yekuphela kwendlela onokwenza ngayo kwezi meko. Iindlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo azinakugqithiselwa komnye umntu okanye zitshintshwe zibe yimali.

(b)        Siza kutsala ixabiso elichaziweyo Lendlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo kwiAkhawunti Yemivuzo yakho. Siza kukuthumelela ngeendlela ze-elektroniki Indlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo oyikhethileyo kwidilesi yeimeyile efakwe kwiAkhawunti yakho ngoku. Ixesha eza kufika ngalo liza kwahluka ngokweNdlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo oyikhethileyo (ibe lisenokuxhomekeka nakuMthengisi okanye omnye uMthengisi wendlela oyikhethileyo), kodwa siza kuzama ukuthumela Indlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo zingekapheli iintsuku eziyi-14 emva kosuku oyikhethe ngalo.

(c)        Iintlobo zeeNdlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo ezifumanekayo zisenokutshintsha ngamaxesha athile; asiqinisekisi ukuba nayiphi na Indlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo efumanekayo kwiWebhusayithi okanye iApp yethu ngamaxesha athile iza kuhlala ifumaneka ibe sinelungelo lokuyeka ukuyenza ifumaneka okanye siyitshintshe nayiphi na Indlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo kwiWebhusayithi okanye iApp yethu nanini na, kuquka xa Indlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo sele ikhethiwe kodwa ayikathunyelwa, ngokokubona kwethu.

(d)        Iindlela Okhetha Ukuyisebenzisa Ngayo eziquka amakhadi esipho okanye iivawutsha zokwenza into ziphantsi kwayo yonke imithetho esebenzayo ibe nayiphi na eminye imimiselo nemiqathango esebenzayo kuloo makhadi esipho okanye iivawutsha zokwenza into zaloo Mthengisi, kuquka imihla yokuphelelwa okanye eminye imiqathango zokuzisebenzisa emiselwe nguloo Mthengisi. Asikwazi ukulawula Abathengisi, kwaye asinalo ityala kuwe nakancinci ngokuphathelele nayiphi na imimiselo nemiqathango Yomthengisi okanye naziphi na izinto ezifunekayo okanye abopheleleke kuzo Umthengisi ngokuphathelele imihla yokuphelelwa phantsi komthetho osebenzayo. NGUWE WEDWA ONOXANDUVA LOKUFUNDA NOKUQONDA NAWAPHI NA AMAXWEBHU OKANYE IZINTO EZIYIMFUNEKO EZENZIWE ZAFUMANEKA KUWE NGABATHENGISI, INGAKUMBI NGOKUNXULUMENE NAYO NAYIPHI NA IMIHLA EPHELELWA NGAYO ENOKUSEBENZA KWIIMVELISO OKANYE IINKONZO ZALOO MTHENGISI.

(e)        Ngokubhekisele kubo bonke abathengisi, uyazi kwaye uyavuma ukuba:

  • U-LifeWorks akazukuba noxanduva lwaso nasiphi na isenzo, ukushiyelela okanye ukungenzi Komthengisi;
  • asixhasi zimveliso okanye zinkonzo ezifumaneka Kumthengisi;
  • luxanduva lwakho ukuzanelisa ngomgangatho nokufaneleka kwezo mveliso okanye iinkonzo ngokweemfuno zakho ezithile, imiqathango ethile yaloo nto ifumaneka kumthengisi, ukuthembeka nokufaneleka Komthengisi; kwaye
  • nayiphi na inkcazelo eboniswa kwiWebhusayithi okanye kwiApp eyenziwa ifumaneke Ngumthengisi ihlala iluxanduva lwaloo Mthengisi yedwa.

(f)         Ukuba Ukhetha ukusebenzisa Ukutshintsha Ibe Lixabiso ukuze uthenge iimveliso okanye iinkonzo Kumthengisi:

  • ukuthenga kwakho kuza kusekelwa kwisivumelwano esiphakathi kwakho Nomthengisi kuphela, ngokwemiqathango ekuvunyelwene ngayo phakathi kwakho naloo Mthengisi;
  • asizukuba yinxalenye yeso sivumelwano kwaye asizukuba noxanduva nangayiphi na indlela ngokwenziwa kwezinto ezikweso sivumelwano nguMboneleli okanye umgangatho okanye ukhuseleko lwazo naziphi na iimveliso okanye iinkonzo ezithengiswe nguMboneleli; kwaye
  • xa kunokubakho ingxaki nayiphi na into onokuyikhetha Ukutshintsha Ibe Lixabiso okanye imveliso okanye inkonzo ethengwe nguwe kuMboneleli, yonke imibuzo uza kuyithumela ngqo kuloo Mboneleli ochaphazelekayo.

Icandelo 11. IMIVUZO - IMIMISELO ESEBENZAYO KWIINKAMPANI EZINEBHENEFITHI NEZILAWULA UKUFUMANEKA KWAZO(ISEBENZA KUPHELA XA IFUMANEKA KWILIZWE LAKHO KWAYE INKAMPANI YAKHO ENEEBHENEFITHI IYIBHALISELE)

11.1    Uyazi kwaye uyavuma ukuba nabani na Kubasebenzisi bakho Abafumana Iibhenefithi okanye Abasebenzisi babo Abaxhomekekileyo ukuba ukuze bafaneleke ukufumana nokutshintsha ube lixabiso Umvuzo, loo Msebenzisi Ofumana Iibhenefithi okanye Umsebenzisi Oxhomekekileyo kufuneka afikelele izinto ezifunekayo ukuze afaneleke ezichazwe kwiCandelo 5.1 lale Miqathango yokuSebenzisa nokuba ukufumana nokutshintshwa ube lixabiso Umvuzo nguloo Msebenzisi Ufumana Iibhenefithi okanye Umsebenzisi Oxhomekekileyo ngalo lonke ixesha kuza kuba phantsi kokuthotyelwa ngokupheleleyo kwale Miqathango yokuSebenzisa nguloo Msebenzisi Ufumana Iibhenefithi okanye Umsebenzisi Oxhomekekileyo. Uthathwa ukuba uyazazi izithintelo nokulinganiselwa kwemivuzo esebenzayo Kubasebenzisi Abafumana Iibhenefithi njengoko kuchaziwe kwiCandelo 10, kuquka ngaphandle komda:

  • Icandelo 10.1(b) elingokuphelelwa kweMivuzo Yakwangoko engatshintshwanga yaba lixabiso emva kweenyanga eziyi-12 nokuphelelwa kweMivuzo Yakwangoko engatshintshwanga yaba lixabiso kwiintsuku eziyi-90 emva kokuvalwa kweAkhawunti;
  • Icandelo 10.1(c) elingokuba ngerhafu ekusenokwenzeka ikhona yeMivuzo Yakwangoko;
  • Icandelo 10.2 elingezisombululo ezifumanekayo Kubasebenzisi Abafumana Iibhenefithi zeempazamo zethu zokwabiwa kweMivuzo Yakwangoko;
  • Icandelo 10.3 elingokunqunyanyiswa okanye ukurhoxiswa kwenkqubo yeMivuzo Yakwangoko esebenzayo Kubasebenzisi bakho Abafumana Iibhenefithi;
  • ICandelo 10.6(c) elingokutshintsha kokufumaneka Kwezinto Ezinokukhethwa Zokutshintsha Ibe Lixabiso; kunye
  • Icandelo 10.6(d), 10.6 (e), no-10.6 (f) elingolwalamano nolawulo lwethu olulinganiselweyo Kubathengisi ababonelela Ngezinto Ezinokukhethwa Zokutshintsha Ibe Lixabiso.

11.2    Iinkampani Ezineebhenefithi ebhalisele iMivuzo Yakwangoko iza kulawula inkqubo yeMivuzo Yakwangoko ngokuhambiselana nemiqathango nemimiselo echazwe kwisiVumelwano seSPO okanye nasiphi na esinye isivumelwano phakathi Kwenkampani Eneebhenefithi kunye nathi esilawula inkqubo yeMivuzo Yakwangoko. Ukuba, njengoMlawuli weSPO, awuna Sivumelwano seSPO ngqo nathi kwaye ufumana iiNkonzo zethu ngewebhusayithi yenye inkampani, ngoko uyazi kwaye uyavuma ukuba ezinye izinto ezongezelelekileyo zeli Candelo11.2 ziza kusebenza ngamaxesha onke ekusebenziseni kwakho inkqubo yeMivuzo Yakwangoko:

(a)        Unokwaba uMvuzo Wangoko omnye okanye ngaphezulu Kubasebenzisi bakho Abafumana Iibhenefithi kuphela emva kokuba uthumele imali eyaneleyo kuthi kwaye loo mali iboniswa njengemali eseleyo kwiAkhawunti yeMivuzo Yakwangoko Yenkampani yakho Eneebhenefithi (“iAkhawunti yeMivuzo Yakwangoko”).

(b)        Ukuze ufake imali kwiAkhawunti yakho yeeMivuzo Yakwangoko, kufuneka uqale uqhagamshelane nathi ukuze usazise ngeenkcukacha zaloo diphozithi nokuze ufumane inombolo yereferensi ekhethekileyo yayo. Emva koko kufuneka uthumele imali ebhankini kwiakhawunti yethu yebhanki esiyikhethileyo uze usebenzise la nombolo yereferensi ekhethekileyo yaloo diphozithi kwimiyalelo yakho yokuyithumela. Xa sifumana imali yakho, siza kufaka loo mali (emva kokusebenzisa nayiphi na imali yokutshintsha imali okanye ezinye iimali ezibhatalwayo ezinento yokwenza nokuyithumela) kwiAkhawunti yakho yeMivuzo Yakwangoko ngelo xesha loo mali iza kubonakala njengemali eseleyo kwiAkhawunti yakho yeMivuzo Yakwangoko. Siza kuzihoya iimali ozibhatalayo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka, kodwa uyazi kwaye uyavuma ukuba zonke iidipozithi zixhomekeke kwiinkqubo nexesha lebhanki elingaphaya kwamandla ethu.

(c)        Zonke iimali kwiAkhawunti yakho yeeMivuzo Yakwangoko ziza kubanjwa sithi egameni lakho kude kube lixesha apho (i) iimali zakho ziphelile ngenxa yokwabiwa kweMivuzo Yakwangoko okanye (ii) uyitsalile imali kwiAkhawunti yakho yeeMivuzo Yakwangoko ngokuhambelana neCandelo 11.2 (g).

(d)        Xa usaba Umvuzo Wangoko Kumsebenzisi Oneebhenefithi, siza kudlulisela imali elingana nenqanaba loMvuzo Wangoko ovela kwiAkhawunti yakho yeMivuzo Yakwangoko kwiAkhawunti yeMivuzo yaloo Msebenzisi Oneebhenefithi kwaye emva koko siza kuqhubeka siyibambile loo mali egameni Lomsebenzisi Oneebhenefithi kude kube lixesha lokuba Umsebenzisi Oneebhenefithi awutshintshe ube lixabiso uMvuzo Wangoko okanye kude kube lixesha ophelelwa ngalo uMvuzo Wangoko okanye urhoxiswe okanye uyaphosakala ngokungqinelana neminye imiqathango eyongezelelekileyo yeli Candelo 11.

(e)        Ukuze wabe uMvuzo Wangoko Kumsebenzisi Oneebhefithi, kufuneka ungene kwiakhawunti yakho Yomlawuli weSPO, khetha imenyu yeMivuzo Yakwangoko, khetha Umsebenzisi Oneebhenefithi ofanelekayo, khetha inqanaba olifunayo uze ufake loo myalelo.

(f)         Imivuzo Yakwangoko eyabelwe uMsebenzisi Oneebhenefithi nguwe ayinakurhoxiswa okanye iphinde yabiwe nguwe emva kokuba ufakile ukuba ukhetha yabiwe njani kuthi. Asamkelanga naluphi na uxanduva ngako nakuphi na ukulahlekelwa kwakho okanye kwakhe nawuphi na umSebenzisi Oneebhenefithi ngenxa yako nakuphi na ukwabiwa koMvuzo Wangoko ngaphandle kokusa kumkhamo wokuba ukwabiwa okungachananga kuvela ngqo kwimpazamo yethu, xa kunjalo siza kuzama ukuwubuyisela uMvuzo Wangoko owabiwe ngokungachananga kunye/okanye siphinde siwabe uMvuzo Wangoko ofanelekileyo kumSebenzisi Oneebhenefithi. Nokuba yeyiphi imeko, ityala lethu lilonke liza kuphelela kwimali elingana nenqanaba laloo Mvuzo Wangoko, okanye kwinxalenye yawo, eyabiwe ngokungachananga kwaye siza kufaka loo mali kwiAkhawunti yakho Yemivuzo Yangoko.

(g)        Ungayitsala nayiphi na imali engabiwanga ekwiAkhawunti yakho yeMivuzo Yakwangoko nangaliphi na ixesha ngokusibhalela wenze isicelo sokuyitsala. Siza kuyifaka loo mali kwiakhawunti yebhanki Yenkampani Eneebhenefithi oyikhethileyo ngelo xesha lesicelo sokuyitsala. Siza kusebenzisa iinzame ezifanelekileyo zorhwebo ukugqiba ukutsalwa kwiintsuku eziyi-14 zokwenziwa kwesicelo sokuyitsala. Yonke imali etsaliweyo iza kuba nemali ebhatalelwayo ekugqitywe ngayo kwisiVumelwano sakho seSPO, okanye ukuba ayichazwanga, ubuncinane ilingana ne$100 okanye i£100 (njengoko kusebenza Kummandla ochazwe kwisiVumelwano seSPO) okanye i-10% yemali etsaliweyo, nokuba yeyiphi eninzi (“Imali Ebhatalelwa Ukuhoya Isicelo Sokutsala Imali”). Imali Ebhatalelwa Ukuhoya Isicelo Sokutsala Imali iza kutsalwa ngokuzenzekelayo kwixabiso lemali etsalwayo. Sinelungelo lokufuna ubungqina obufanelekileyo nobanelisayo bokugunyazisa Kwenkampani Eneebhenefithi ukutsalwa kwemali kwiAkhawunti yakho yeMivuzo Yakwangoko ngaphambi kokuba sihoywe isicelo sokuyitsala.

(h)        Kwixesha elizayo sisenokwenza into ekuvumelayo ukuba ukwazi ukudipozithi nokutsala imali ngqo kwiakhawunti yakho Yenkampani Eneebhenefithi, xa inokuthi ibekhona uza kuba nelungelo lokuyisebenzisa endaweni yeenkqubo ezichazwe kwiCandelo 11.2 (b); ukubanangona kunjalo, izinto ezichazwe kweli Candelo 11 (kuquka ngaphandle komda Imali Ebhatalelwa Ukuhoya Isicelo Sokutsala Imali) ziza kusebenza kwidipozithi nakwimali etsalwayo kusetyenziswa loo ndlela.

Icandelo 12. UKUNCOMA

12.1    Ukuba Inkampani yakho Eneebhenefithi ibhalisele into yokunconywa koMsebenzisi kwiiNkonzo zethu (“Izinto Zokuncoma”), uza kukwazi ukuncoma igalelo labantu osebenza nabo kwiwebhusayithi nakwiApp yethu (“Ukuncoma”). Izinto Zokuncoma zikwavumela Abasebenzisi ukuba bathethe ngegalelo labantu abasebenza nabo. Nayiphi na into oyifakayo kufuneka ithobele imiqathango echazwe kule Mimiselo yokuSebenzisa, kuquka njengoko kuchaziwe kwiCandelo 15. 

12.2    Silandelela kwaye sidibanise inkcazelo engokusebenzisa kwakho Izinto Zokuncoma kunye naziphi na Izincomo ozifumanayo. Le nkcazelo idityaniswa nenkcazelo enxulumene Nabasebenzisi Abaneebhenefithi enento yokwenza Nenkampani yakho Eneebhenefithi qho ngenyanga ukuze kwenziwe ushwankathelo olukwitheybhuli olubonisa Abasebenzisi Abaneebhenefithi abangabona Banconywe kakhulu.

Icandelo 13. INKQUBO YOKUNCEDA ABASEBENZI (iEAP) NEMPILO

13.1    Inkcazelo ekwiWebhusayithi nakwiApp inikezelwa kubasebenzisi ngeenjongo zokufundisa. Ngaphandle kangangoko kuvunyelwe ngumthetho osebenzayo, uLifeWorks akakuvumi nakuphi na ukulahlekisa ibe akenzi siqinisekiso ngokuchana okanye ukuphelela kwale nkcazelo ibe akathathi tyala kwiimpazamo okanye ukushiyelelwa kwinto efakiweyo. Inkcazelo ekwiWebhusayithi nakwiApp akufunekanga kuxhonyekekwe kuyo ekucebiseni isenzo esinegunya kumntu oneengxaki zomthetho, zezemali, zezonyango okanye zezempilo yengqondo okanye ithathe indawo yokudibane ucetyiswe yingcali efanelekileyo yaloo nto, njengegqwetha, umntu wezezimali, utitshala, ugqirha, umboneleli wezempilo, okanye ingcali yezonyango. Bonke Abasebenzisi kufuneka babonane nogqirha okanye omnye umsebenzi ofanelekileyo ngaphambi kokuqalisa ukutshintsha ukutya abakutyayo, amanqanaba okulolonga umzimba okanye nakuphi na okunye ukutshintshwa okufanayo kwendlela yokuphila okanye yokuziphatha. 

13.2    UKUBA UNENGXAKI NJENGONGXAMISEKO LWEZONYANGO, OKANYE UCINGA NGOKUZIBULALA OKANYE UNDLONGONDLONGO, OKANYE UCINGA UKUBA UNOKUBA YINGOZI KUWE OKANYE KWABANYE, OKANYE UKUBA UTHANDANA NOMNTU OKUXHAPHAZAYO OKANYE UXHALABILE NGOKUXHATSHAZWA KWASEKHAYA, NGOMNTWANA OKANYE UMNTU OMDALA OXHATSHAZWAYO, NCEDA UNXIBELELANE NEENKONZO ZONGXAMISEKO EZIFANELEKILEYO OKANYE ABASEMAGUNYENI NGOKUKHAWULEZA. 

Icandelo 14. IZINTO ABASEBENZISI ABANGAVUMELEKANGA UKUBA BAZENZE

14.1    Iinkonzo zethu zinikezelwa kuphela ukuba zingasetyenziselwa ezorhwebo nokuba zisetyenziswe ubuqu Ngabasebenzisi. Awukwazi:

(a)        ukuvumela nabani na ukuba angene okanye asebenzise iAkhawunti yakho, kuquka ukuze ufumane inzuzo yezoqoqosho okanye inzuzo yezorhwebo;

(b)        ukuphinda upapashe, uphinde usasaze okanye uphinde ugqithisele iWebhusayithi okanye iApp yethu nangasiphi na isizathu, kuquka ukuze ufumane inzuzo yezoqoqosho okanye inzuzo yezorhwebo;

(c)        ukuphinda usasaze okanye uphinde uthengise naziphi na iiNkonzo kuye nawuphi na omnye umntu okanye inkampani nangasiphi na isizathu, kuquka ukuze ufumane inzuzo yezoqoqosho okanye inzuzo yezorhweb;

(d)        ukusebenzisa iWebhusayithi, iApp okanye iiNkonzo zethu nangayiphi na indlela eqhatha nabani na (kuquka kodwa kungaphelelanga, nabani na esisebenzisana naye Nabathengisi), kuqukaa ukusebenzisa indlela yokubhatala ongagunyaziswanga ukuba uyisebenzise ezifana nekhadi lekhredithi ongagunyaziswanga ukuba ulisebenzise okanye likhutshwe egameni lakho ngokusemthethweni;

(e)        ukukopa, ukuthengisa okanye ukuyenza ifumaneke kwakhona, ukukopa iimveliso, ukudibanisa okanye ukwenza izinto ezenza into ebingenzelwanga yona okanye ukopa into eyenzelwe yona nayiphi na inxalenye yeWebhusayithi okanye iApp yethu, okanye nayiphi na inxalenye ye-software eyenza iwebhusayithi okanye iApp yethu nokuba ukwaze njani ukufikelela kuloo software;

(f)         ukusebenzisa iWebhusayithi, iApp okanye iiNkonzo zethu nangayiphi na indlela enokumosha indlela elidume okanye elithembeke ngayo igama lethu okanye lalo nayiphi na inkampani esisebenzisana nayo okanye lalo nawuphi na Umthengisi;

(g)        ukwaphula nawuphi na umthetho okanye ummiselo osebenzayo ngokusebenzisa kwakho iwebhusayithi, iApp okanye iiNkonzo zethu;

(h)        ukukopa okanye ukugcina iWebhusayithi okanye iApp yethu kokungayisebenzeli ezorhwebo okanye ukuyisebenzisela wena (njengoko kunokwenzeka ngengozi kwindlela eqhelekileyo yokusetyenziswa yibrawza yakho okanye yidivayisi yefowuni);

(i)         ukukopa okanye ukugcina iWebhusayithi okanye iApp yethu kwiseva okanye nakweyiphi na idivayisi onokuyigcina kuyo ekhonekthwe kwinetwekhi okanye wenze i-database ngokumane udawunlowda uze ugcine nayiphi na inkcazelo ekwiWebhusayithi okanye iApp yethu;

(j)         ukususa okanye ukutshintsha nantoni na ekwiWebhusayithi okanye kwiApp okanye uzame ukuphepha nayiphi na into yokhuseleko okanye ukumosha indlela echanileyo esebenza ngayo iWebhusayithi okanye iApp okanye naziphi na iiseva ezikuyo; okanye

(k)        okanye ukwenza nantoni na ngeWebhusayithi, iApp okanye iiNkonzo zethu engachazwanga ngokucacileyo njengevumelekileyo kule Mimiselo yokuSebenzisa.

14.2    Ngokuvula iAkhawunti uyavuma ukusibhatala ngokupheleleyo ngayo nayiphi na ilahleko, umonakalo okanye iindleko ezibekhona okanye esiye saba nazo ngenxa yalo naliphi na ibango elivela okanye elinento yokwenza nokwaphula kwakho kwayo nayiphi na imiqathango echazwe kwiCandelo 14.1 ngasentla okanye nawuphi na ummiselo okule Mimiselo yokuSebenzisa; ukubanakuba kunjalo, oku kusibuyisela imali kuthethwe ngako akuzukusebenza kumntu kubalawuli beSPO okanye Abalawuli bePass-Through.

Icandelo 15. UKUPOWUSTA INTO

15.1    Ngokuvula iAkhawunti okanye ngokusebenzisa iWebhusayithi, iApp okanye iiNkonzo zethu wamkela uxanduva olulolwakho wedwa ngezi zinto:

(a)        ngayo nayiphi na nangayo yonke into epowustiweyo ivela kwiAkhawunti yakho (nokuba nguwe okanye abanye abangene kwiAkhawunti yakho, nokuba uyazi okanye awazi nto ngokungena kwabo) ifakwa kwiWebhusayithi okanye kwiApp; kwaye

(b)        nayiphi na okanye yonke into eyenziwa ngeAkhawunti yakho xa usebenzisa iWebhusayithi, iApp okanye iiNkonzo;

kwaye uyavuma ukusibhatala ngokupheleleyo ngayo nayiphi na ilahleko, umonakalo okanye iindleko ezibekhona okanye esiye saba nazo ngenxa yalo naliphi na ibango elivela okanye elinento yokwenza nayo nayiphi na loo nto ifakiweyo okanye yenziweyo ukubanakuba kunjalo, oku kusibuyisela imali kuthethwe ngako akuzukusebenza kumntu kubalawuli beSPO okanye Abalawuli bePass-Through.

15.2    Kuxhomekeke kuwo nawuphi na umthetho osebenzayo ngokuchaseneyo, ukuba ukhetha ukufaka into ngeWebhusayithi okanye ngeApp kufuneka:

(a)        ugcine naziphi na izinto ozipowustayo zihambelana nenjongo yeqonga;

(b)        ungafaki nantoni na engekho mthethweni, esongelayo, exhaphazayo, enobuqhophololo, ekuhanjwa ze, engcolileyo, ethukayo, engenasidima, ecaphukisayo okanye eyophula amalungelo ento ecingiweyo okanye nawaphi na amanye amalungelo awo nawuphi na omnye umntu;

(c)        ungafaki nantoni na ene-virus okanye enye ikhowudi enezinto ezimoshayo okanye ezonakalisayo;

(d)        ungafaki nantoni na equlethe naluphi na uhlobo lwentengiso; kwaye

(e)        ungalingisi okanye ube ngathi umele ukuba nentsebenziswano, nawuphi na umntu okanye umbutho.

15.3    Ngokuvula iAkhawunti uyazi kwaye uyavuma ukuba:

(a)        asijongi okanye sihlole nantoni na epowustwa nguwe okanye ngabanye Abasebenzisi;

(b)        asijongi ukusebenzisa kwakho iWebhusayithi, iApp okanye iiNkonzo okanye oko kusetyenziswa ngabo nabani na abanye Abasebenzisi; kwaye

(c)        asizukuba netyala kuwe okanye nawuphi na omnye uMsebenzisi, okanye ngokunxulumene, nayiphi na loo nto ifakwayo okanye ukusetyenziswa kwayo (kuquka nantoni na engafanelekanga, ebubuxoki okanye elahlekisayo epowustwe nguwe okanye ngabanye Abasebenzisi beWebhusayithi, iApp okanye iiNkonzo).

15.4    Abalawuli be-SPO kunye nabaLawuli bePass-Through bayavuma ukuba Iinkampani Ezineebhenefithi ngalo lonke ixesha ziza kuhlala iluxanduva lwazo ngokuyintloko ukujonga nokuhlola nantoni na epowustwa ngabo nabaphi na Abasebenzisi. Nangona kunjalo, sinelungelo, ngokubona kwethu, lokucima nantoni na epowustwe Ngabasebenzisi.

15.5    Izikhalazo ngayo nantoni na epowustiweyo kumele zithunyelwe ku-support@lifeworks.com kwaye kufuneka ibe neenkcukacha zaloo powusti ebangela ukuba kubekho isikhalazo.

Icandelo 16. IPHEPHANDABA; EZINYE IZAZISO ZE-IMEYILI NONXIBELELWANO OLUYA KUBASEBENZISI

Sinemvume yakho (ngokomlinganiselo ofunekayo phantsi komthetho osebenzayo ) ngamanye amaxesha sinokuthumela iphephandaba kuwe kwidilesi ye-imeyili ehambelana neAkhawunti yakho. Amaphephandaba anjalo kusenokwenza abe nezaphulelo ezivela kuBathengisi. Uza kwenziwa ukwazi ukukhetha ukuphuma kwinto yokuba ufumane la maphephandaba.

Icandelo 17. IILINKI ZANGAPHANDLE

17.1    Iwebhusayithi neApp inokuba neelinki eziya kwezinye iiwebhusayithi (kuquka iiwebhusayithi zaBathengisi) njengenxalenye yeeNkonzo esinikezela ngazo Kubasebenzisi, kuquka ngeenjongo zokufundisa. Abasebenzisi kufuneka basebenzise ukuqonda xa bengena kwezi linki zibasa kwezinye iiwebhusayithi besebenzisa iWebhusayithi okanye iApp.

17.2    U-LIFEWORKS AKAMELI UKUSEBENZA OKANYE IZINTO EZIFAKWE KWEZI WEBHUSAYITHI ZANGAPHANDLE KWAYE AKANAXANDUVA NGOMGANGATHO WENKCAZELO EKUZO NAZIPHI NA EZO WEBHUSAYITHI ZANGAPHANDLE OKANYE NAYIPHI NA ILINKI EKWEZO WEBHUSAYITHI ZANGAPHANDLE. EZI LINKI ZINOKUKHOKELELA KUNGAQONDWANGA KWISAYITHI EZINENKCAZELO ABANYE ABANTU ABANOKUYIFUMANISA INGAFANELEKANGA OKANYE IPHAZAMISA. EZI LINKI ZISENOKUKHOKELELA NAKWIISAYITHI EZINENKCAZELO ENGACHANANGA, IINTENGISO EZIXOKAYO OKANYE EZILAHLEKISAYO, OKANYE INKCAZELO EYOPHULA IMITHETHO ENGELUNGELO LOKUSHICILELA, ENGODUMO LOMNTU OKANYE ENGOKUMOSHA IGAMA LOMNTU. IINKONZO, IIMVELISO, NEZINTO EZILUNCEDO EZIFUMANEKA KWEZI WEBHUSAYITHI AZIXHASWANGA NANGAYIPHI NA INDLELA NGULIFEWORKS, KWAYE ULIFEWORKS AKAXHASI NAZIPHI NA IINKAMPANI EZINEEBHENEFITHI OKANYE ABATHENGISI KWEZI SAYITHI

Icandelo 18. UKUFUMANEKA NOKUSEBENZA KWEENKONZO, IWEBHUSAYITHI NE-APP

18.1    Siza kusebenzisa iinzame ezifanelekileyo zorhwebo ukwenza iiNkonzo, iWebhusayithi neApp zifumaneke ukuba zisetyenziswe nguwe ixesha elininzi kangangoko kunokwenzeka, kodwa asinikezeli okanye singene kuwo nawuphi na umqathango, iwaranti, okanye nawuphi na omnye ummiselo wokuba iiNkonzo, iWebhusayithi okanye iApp ziza:

(a)        kufumaneka ngalo lonke ixesha;

(b)        kufumaneka qho okanye ngaphandle ngokuphazamiseka;

(c)        kungabi nazimpazamo, igqibelele, ii-virus okanye ezinye izinto eziphazamisayo; okanye

(d)        ithobele nawuphi na umgangatho (imigangatho) othile.

18.2    Ngokuvula iAkhawunti nokusebenzisa iWebhusayithi okanye iApp, uyavuma ngokomkhamo ovunyelwe ngumthetho osebenzayo ukuba asizukuba natyala kuwe ngenxa yokungafumaneki okanye ukungagqibeleli kweeNkonzo, iApp okanye iWebhsayithi yethu (nangona kunjalo okwexeshana), kuquka ngenxa yokulungiswa okucetyiweyo, ukuphuculwa, ukhuseleko, izizathu zomthetho okanye zoshishino, kunye/okanye izizathu ezingaphaya kwamandla ethu (ezifana nokungasebenzi kwe-hardware okanye i-software, ezinye iziphazamiso zenkonzo ye-intanethi, okanye ukungafumaneki kwewebhusayithi Yomthengisi).

18.3    Nguwe onoxanduva lokusebenzisa izinto zeteknoloji zokukhusela inkcazelo ezifanelekileyo (kuquka i-anti-virus nezinye izinto ezikhangela ukhuseleko) ukwanelisa izinto ezithile ozifunayo ngokukhuseleka nokuthembeka kweWebhusayithi, iApp nezinto ezikuzo.

Icandelo 19. AMALUNGELO KWIZINTO EZICINGIWEYO

19.1    Onke amalungelo obunini kwizinto ezicingiweyo ezinento yokwenza neeNkonzo, iWebhsayithi neApp (kuquka amagama, imizobo, i-software, iifoto neminye imifanekiso, iividiyo, isandi, iimpawu zokuthengisa nee-logo) abanini bazo sithi okanye abantu abasinike ilayisensi. Unikwa ilayisenisi engagqithiselwa kuwe yokusebenzisa amalungelo obunini aloo nto icingiweyo kuphela ngokomkhamo ofunekayo wokukwenza ufumane iiNkonzo nokusebenzisa iWebhusayithi neApp ngokuhambelana nale Mimiselo yokuSebenzisa. Uyazi kwaye uyavuma ukuba awufumani nabuphi na ubunini, okanye amanye amalungelo malunga, nawaphi na loo malungelo obunini ezinto ezicingiweyo ngenxa yokufumana iiNkonzo okanye ngokusebenzisa iWebhusayithi kunye/okanye iApp.

19.2    IWebhusayithi okanye iApp inokuba nekhowudi, edla ngokubizwa ngokuba yi-open source software, esasazwa phantsi kwalo naluphi na uhlobo kwiintlobo ezininzi zemimiselo yelayisensi ye-open source, kuquka imimiselo evumela ukusasazwa nokutshintshwa simahla kwaloo mthombo waloo khowudi ye-software okanye efuna bonke abasasazi ukuba benze umthombo waloo khowudi ufumaneke ngokukhululekileyo xa ucelwa, kuquka nakuphi na ukufaka isandla okanye ukuphuculwa okwenziwe ngulo mntu uyisasazayo (xa zizonke, “Open Source Software”). Nceda uqaphele ukuba, ngokomkhamo iWebhusayithi okanye iApp equlethe ngawo nayiphi na i-Open Source Software, loo nto kuphela unikwe ilayisenisi phantsi kwemimiselo yelayisensi efanelekileyo yaloo nkampani ingenye enikezela ngelayisensi (“Imimiselo yeOpen Source Licence”) kwaye ayikho phantsi kwale mimiselo, kwaye uyayamkela kwaye uyayivuma into yokuba ubotshwe yiloo Mimiselo yeOpen Source Licence. Ikopi yomthombo wekhowudi wayo nayiphi na iOpen Source Software eekwiWebhusayithi okanye kwiApp neMimiselo yeLayisensi yeOpen Source efanelekileyo iza kwenziwa zifumaneka kuwe xa uzicela.

19.3    Uyavuma ukuba, ngokufaka nantoni na (akuquki inkcazelo engezempilo neenkcukacha zokuqhagamshelana) ngeWebhusayithi okanye iApp, unika thina neenkampani esisebenzisana nazo ilungelo nelayisensi eqhubekayo, engenakutshintshwa, epheleleyo, engeyeyo yethu sodwa, engabhatalelwa zimali ngokuyisebenzisa, yokuba sisebenzise, sivelise kwakhona, silungise, sitshintshe, sipapashe, siguqulele, senze kwaye sisebenzise imisebenzi evelayo, sisasaze, ukwenza nokubonisa loo nto ifakiweyo (iphelele okanye inxalenye yayo), kuphela kubantu abakwinethiwekhi yeNkampani yakho Eneebhenefithi, kuqondwa ukuba oko kusasaza, kwenza okanye kubonisa injongo yako kukwazisa kuphela kwaye akuzubangela Umsebenzisi abenengeniso yezoqoqosho, engqalileyo okanye engangqalanga. Unika nabanye Abasebenzisi abakwinethiwekhi yeNkampani yakho Eneebhenefithi ilayisenisi engeyoyabo bodwa yokuba bajonge loo nto ifakiweyo bengaphumanga kwinethiwekhi yeNkampani yakho Eneebhenefithi.

Icandelo 20. INTO ESINETYALA LAYO

20.1    Ngaphandle kokuba kuchazwe ngokucacileyo kule Migaqo yokuSebenzisa, asenzi okanye asibonisi okanye sinikezele ngewaranti ngokuchana, ukuphelela, umgangatho, ukuchana, ukuthembeka, ukunyaniseka, umgangatho, ukufaneleka ngenjongo okanye ukufaneleka kwayo nayiphi na into yeWebhusayithi okanye yeApp, kwaye kangangoko kuvunyelwa ngumthetho osebenzayo, zonke iziqinisekiso, imiqathango okanye eminye imimiselo ekucingelwa ukuba yenziwe yalo naluphi na uhlobo ayiqukwanga. Ngokomkhamo opheleleyo ovunyelwe ngumthetho osebenzayo, asamkeli tyala ngako nakuphi na ukulahlekelwa okanye umonakalo walo naluphi na uhlobo owenziwe ngenxa yakho okanye nangubani na omnye umntu oxhomekeke kwinto efakwe kwiWebhusayithi kunye/okanye kwiApp.

20.2    Akukho nto kule Mimiselo yokuSebenzisa eza kususa okanye yenze umda kwityala esinalo kuwe:

(a)        ngenxa yobuqhetseba okanye izinto ezilahlekisayo; okanye

(b)        naliphi na ityala elingenakwazi, phantsi komthetho osebenzayo, ukungaqukwa okanye ukulinganiselwa. Ngenxa yaloo nto, ukulinganiselwa kwamatyala kule Mimiselo Yokusebenzisa kusebenza kuphela ngokomkhamo ovumelekileyo phantsi komthetho osebenzayo.

20.3    Asizukuba natyala kuwe (nokuba eloo tyala libakho ngenxa yokwaphulwa kwesivumelwano, ukungakhathali, into elahlekisayo okanye nangasiphi na isizathu) ngako nakuphi na ukulahlekelwa okanye umonakalo ovela ngenxa yezi zinto:

(a)        nasiphi na isenzo okanye ukungenzi kwako nawo nawuphi na Umthengisi, Umsebenzisi, Umlawuli weSPO, Umlawuli wePass-Through, Inkampani Eneebhenefithi, okanye omnye umntu;

(b)        nakuphi na ukungaphumeleli ekulandeleleni okanye ekunikezeleni ngeCashBack okanye Umvuzo nguye nawuphi na Umthengisi okanye egameni lakhe; okanye

(c)        nayiphi na imeko esingenakukulindeleka ukuba siyilawule.

20.4    Nguwe kuphela onoxanduva lokukhusela iinkcukacha zakho zokungena nephasiwedi kwaye asizukuba natyala ngayo nayiphi na ilahleko okanye umonakalo onokubangelwa kukungayenzi kwakho loo nto.

20.5    Asizukuba natyala kuwe (nokuba eloo matyala libakho ngenxa yokwaphulwa kwesivumelwano, ukungakhathali, into elahlekisayo okanye nangasiphi na isizathu) ngayo nayiphi na ilahleko yeshishini nalo naliphi na ityala esinayo ngaloo lahleko oyifumanayo ilinganiselwe ngokungqongqo kwilahleko ekuyinto evakalayo ukuba ibinokubonwa kwangaphambili.

20.6    Asizukuba netyala kuwe okanye nakweyiphi na Inkampani Eneebhenefithi ngayo nayiphi na ilahleko, umonakalo, ityala, imali, ibango okanye iindleko wena okanye nayiphi na Inkampani Eneebhenefithi ehlelwa zizo, eba nazo okanye ezibhatalelayo ngenxa yokunqunyanyiswa okanye ukupheliswa sithi ukukwazi kwakho ukufikelela nokusebenzisa iiNkonzo.

20.7    Asizukuba natyala kuwe okanye nakweyiphi na Inkampani Eneebhenefithi ngawo nawaphi na amatyala erhafu wena okanye nayiphi na na Inkampani Eneebhenefithi eniba nawo ngenxa yeeNkonzo ozifumanayo, kwaye na Iinkampani Ezineebhenefithi Nabasebenzisi banoxanduva lokuqonda nelokubhatala amatyala abo erhafu ahambelana okanye abakho kwiiNkonzo.

20.8    Ukuba ungeba kwiWebhusayithi okanye kwiApp yethu yaseOstreliya okanye eNew Zealand, imimiselo yeli Candelo 20 ixhomekeke kumalungelo akho omthengi phantsi komthetho waseOstreliya okanye waseNew Zealand. Nceda ujonge uXwebhu Olongezelelekileyo Olusekupheleni 3 sale Mimiselo Yokusebenzisa ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngamalungelo akho omthengi phantsi komthetho waseOstreliya okanye waseNew Zealand.

Icandelo 21. UKUVALA IAKHAWUNTI YAKHO

21.1    Ukuba unqwenela ukuvala iAkhawunti yakho, nceda unxibelelane neNkampani yakho Eneebhenefithi enokulungiselela ukuba iAkhawunti yakho ivalwe okanye ufake isicelo ku-privacy.lifeworks.com. Nceda uqaphele ukuba sinokugcina inkcazelo engeAkhawunti yakho kwiirekhodi zethu ngokungqinelana nemilinganiselo yethu eqhelekileyo nangokuhambelana nePolisi yethu Engezinto Eziyimfihlo (ikopi yangoku efumaneka ku help.lifeworks.com). Ukuvala iAkhawunti yakho akuzukusinyanzelisa ukuba siyicime loo nkcazelo ngaphandle kwexesha elifanelekileyo phantsi kwemilinganiselo neepolisi zethu okanye apho kufuneka senze njalo ngokomthetho osebenzayo.

21.2    Inkampani Eneebhenefithi iza kuba noxanduva ngokuyintloko yokuvala iAkhawunti Yomsebenzisi ukuba Umsebenzisi akasafuni ukusebenzisa iiNkonzo okanye akasazifikeleli izinto ezifunekayo zokufaneleka ezichazwe kwiCandelo 5.1. IAkhawunti yoMsebenzisi ingenziwa ingasebenzi nguMlawuli weSPO okanye nguMlawuli wePass-Through kwicandelo elithi “Lawula Umsebenzisi” kwiphaneli yomlawuli kwiWebhusayithi. Le nto ayilichaphazeli ilungelo lethu lokwenza Iiakhawunti Zomsebenzisi zingasebenzi njengoko kuchaziwe kwenye indawo kule Mimiselo Yokusebenzisa.

21.3    Sinikezela ngeeNkonzo zethu Kubasebenzisi nakwiiNkampani Ezineebhenefithi nokuba phantsi kwesiVumelwano sethu seSPO kunye naloo Nkampani Eneebhenefithi okanye phantsi kwesivumelwano phakathi kwethu nomnye umthengisi weeNkonzo zethu naye onesivumelwano naloo Nkampani Eneebhenefithi. Sinokunqumamisa okanye siphelise (kukhetha thina) ukukwazi kwakho ukufikelela nokusebenzisa iiNkonzo kwiimeko ezithile apho Inkampani yakho Eneebhenefithi okanye omnye umthengisi ochaphazelekayo weeNkonzo esophula isivumelwano sakhe nathi.

21.4    Thina, okanye Inkampani yakho Eneebhenefithi (njengoko kufanelekile), sinokuyivala iAkhawunti yakho ukuba:

(a)        wophula le Mimiselo yokuSebenzisa;

(b)        uyayeka ukuba nguMsebenzisi ofanelekileyo ngokubhekiselele Inkampani yakho Eneebhenefithi okanye sikholelwa ukuba kunjalo;

(c)        Inkampani yakho Eneebhenefithi iyayeka ukubhatalela iiNkonzo;

(d)        Inkampani yakho Eneebhenefithi yophule okanye kukho into ekwisivumelwano enaso nathi okanye omnye umthengisi weeNkonzo zethu engayenzanga enokwenza ivakale into yokupheliswa kweso sivumelwano;

(e)        nawuphi na omnye umthengisi weeNkonzo zethu esinikezela ngeeNkonzo zethu kuwe ngaye wophule okanye kukho into ekwisivumelwano anaso nathi angayenzanga enokwenza ivakale into yokupheliswa kweso sivumelwano; okanye

(f)         nangasiphi na esinye isizathu ngokokubona kwethu.

21.5    Iakhawunti yakho nazo zonke izinto ezikuyo ziza kucinywa kwiintsuku eziyi-90 emva komhla wokuvalwa kwayo. Nceda uqinisekise ukuba nayiphi na iCashBack ekwiAkhawunti yakho iyabhatalwa kusetyenziswa indlela Oyikhethileyo yeCashBack nayo nayiphi na Imivuzo ekwiAkhawunti yakho Yomvuzo itshintshiwe yaba lixabiso ngaphambi kokuba uvale iAkhawunti yakho. Ukuba iAkhawunti yakho ivaliwe ngaso nasiphi na isizathu, uza kuba neentsuku eziyi-90 ukususela kumhla wokuvalwa kwayo ukuze ubange nayiphi na i-CashBack uze utshintshe ibe lixabiso nawuphi na Umvuzo kwiAkhawunti yakho Yemivuzo. Nayiphi iCashBack engasetyenziswanga okanye itsalwe kwaye nayiphi Imivuzo engatshintshwanga yali xabiso ngeli xesha, iza kuncanyelwa kuthi. Eyona Mali Incinci ifunekayo kwiCandelo 9.2 ayisebenzi kwiCashBack Wallet yakho ebudeni beentsuku eziyi-90 emva kokuba Iakhawunti yakho ivaliwe.

Icandelo 22. NGOKUBANZI

22.1    Awunakunikezela ngelayisensi, udlulisele, okanye wabe nawaphi na amalungelo okanye uxanduva oluphantsi kwale Mimiselo Yokusebenzisa.

22.2    Sinokwenza isivumelwano nenye inkampani okanye sidlulisele nantoni ukuba yenziwe eluxanduva lwethu kuwe. Singadlulisela okanye sinikezele komnye umntu nawaphi na amalungelo ethu okanye uxanduva esinalo kuwe.

22.3    Le Mimiselo yokuSebenzisa, equka neyiphi na eminye imimiselo ekubhekiselwa kuyo ngokucacileyo, imele sonke isivumelwano phakathi kwakho nathi ngokunxulumene nalo mbandela.

22.4    Zonke izaziso osinike zona okanye ozinikwe sithi kufuneka zinikwe nge-imeyili okanye zibhalwe kubhalelwe kwidilesi echazwe kwiCandelo 23. Singakunika ngeimeyili okanye kwidilesi yeposi osinika yona xa ubeka umyalelo.

22.5    Ukuba asinyanzelisi, okanye siyalibazisa ukunyanzelisa, nawaphi na amalungelo ethu phantsi kwale Mimiselo yokuSebenzisa, loo nto ayiphumeleli ekurhoxisweni kwamalungelo achaphazelekayo.

22.6    Ukuba nawuphi na ummiselo kule Mimiselo yokuSebenzisa ufunyenwe ungenakunyanzeliswa, awuzukuchaphazela ukunyanzeliswa kwayo nayiphi na eminye imimiselo ekuyo.

22.7    Ngaphandle kokuba kuchazwe kuXwebhu Olongezelelekileyo Olusekupheleni 3, le Mimiselo yokuSebenzisa neminye imimiselo yethu equkwe ngokubhekisela kuyo iza kulawulwa yimithetho yaseOn Ontario, yaseKhanada nayinkundla yaseToronto, neyaseKhanada, ziza kuba negunya elikhethekileyo lokusombulula naziphi na iingxabano ezinokuthi zivele phakathi kwakho nathi phantsi kwale Mimiselo yokuSebenzisa. NCEDA UBONE INKCAZELO EYONGEZELELEKILEYO ENOKUSEBENZA KUWE KUXWEBHU OLONGEZELELEKILEYO OLUSEKUPHELENI 3 KULE MIMISELO YOKUSEBENZISA.

Icandelo 23. UKUQHAGAMSHELANA NATHI

Nceda ufake nayiphi na imibuzo onayo ngale Mimiselo yokuSebenzisa okanye naziphi na iingxaki ngeWebhusayithi okanye iApp nokusetyenziswa kwazo kuthi ngale ndlela ilandelayo:

(a       ngeWebhusayithi;

(b)      ngeimeyili ku support@lifeworks.com;

(c)      ngeposi kwidilesi echazwe kwiCandelo 1.

Imibuzo yakho iza kuhoywa ngummeli kaLifeWorks ngokukhawuleza. Siza kuzama ukuyiphendula imibuzo yakho kwiintsuku eziyi-5 zoshishino ukususela ekuwufumaneni umbuzo.

UXwebhu Olongezelelekileleyo Olusekupheleni 1

IGLOSARI YAMAGAMA ACACISWAYO ASETYENZISWE KULE MIMISELO YOKUSEBENZISA

IGAMA ELICACISIWEYO

INGCACISO OKANYE INDAWO YENGCACISO

IAkhawunti

Into Umsebenzisi ayenzayo ngokungena kwiWebhusayithi okanye kwiApp, esenza Igama Lomsebenzisi nephasiwedi, nokwamkela le Mimiselo Yokusebenzisa. IAkhawunti Yomsebenzisi inayo yonke inkcazelo efakwe Ngumsebenzisi kwiprofayile Yomsebenzisi

I-App

Iapp yefowuni iyafumaneka ukuba idawunlowdwe kwiivenkile ze-app zezinye iinkampani okanye njenge-app yewebhusayithi kwifowuni kwiWebhusayithi

I-CashBack

Icaciswe kwiCandelo 4(c)

Into Ekhethwayo ngeCashBack

Icaciswe kwiCandelo 9.3

I-CashBack Wallet

Apho yonke imali yakho ebuyiswayo iboniswa ize igcinwe khona.

Nanini na xa uthenga ngoLifeWorks imali ebuyiswayo ehambelana nayo iza kuvela kwi-wallet yakho

Iinkonzo ze-EAP

Inkqubo yoncedo lwabasebenzi neenkonzo zokubasempilweni ezinikezelwa nguLifeWorks kwaye zenziwe zifumaneke Yinkampani yakho Eneebhenefithi

Ukuhlolwa Kokubasemngciphekweni Kwempilo

Isixhobo sethu sokuhlola ukuba semngciphekweni kwempilo kwi-intanethi sisekelwe kuthotho lwezikali eziqinisekisiweyo nakwimibuzo yendlela yokuphila. Esi sixhobo sivelisa iziphumo sishwankathela size sinikezele ngamacebiso anenkcazelo kwangelo xesha.

Eyona Mali Incinci

Icaciswe kwiCandelo 9.2

Imimiselo YeOpen Source Licence

Icaciswe kwiCandelo 19.2

I-Open Source Software

Icaciswe kwiCandelo 19.2

Eminye Imivuzo

Icaciswe kwiCandelo 10.5

Umlawuli WePass-Through

Icaciswe kwiCandelo 2.1

Umsebenzisi Oneebhenefithi

Icaciswe kwiCandelo 2.1

Umsebenzisi Oxhomekeke Kuye

Icaciswe kwiCandelo 2.1

Amaqithiqithi

I-CashBack, izaphulelo, namanye amaqithiqihti eeNkonzo anikezelwa nguLifeWorks kwaye zenziwe zifumaneke Yinkampani yakho Eneebhenefithi

Iinkcukacha Zobuqu

Inkcazelo ngoMsebenzisi owaziwayo, kuquka inkcazelo yezempilo yomntu (njengoko kuchaziwe ngumthetho osebenzayo)

Ipolisi Engezinto Eziyimfihlo

Ipolisi Engezinto Eziyimfihlo epowustwe kwiWebhusayithi kunye/okanye kwi-App, njengoko ihlaziywa ngamaxesha athile, ikopi yayo yangoku iyafumaneka ku www.lifeworks.com

Ikhowudi Yesizathu

Ibhakhodi, ikhowudi yeQR okanye enye indlela yekhowudi efana njengodederhu loonobumba ngeenjongo zokufumana isaphulelo sokuthenga Kumthengisi

Ukuncoma

Icaciswe kwiCandelo 12.1

Izinto Zokuncoma

Icaciswe kwiCandelo 12.1

Izinto Zokutshintsha Ibe Lixabiso

Ichazwe kwiCandelo 10.6(a)

Umthengisi

Umthengisi okanye umntu onikezela ngeenkonzo ongomnye (kuquka ivenkile yokutyela okanye i-cinema) okanye omnye umthengisi wezaphulelo, amakhadi esipho okanye iivawutsha zezinto ezinokonwatyelwa. Iimveliso okanye iinkonzo ezinikezelwa Ngabathengisi abathatha inxaxheba zifumaneka ngeelinki kwiWebhusayithi okanye kwiApp yethu kwiwebhusayithi yaloo Mthengisi

Ikhomishini Yomthengisi

Icaciswe kwiCandelo 9.1

Iinkcukacha Zomthengisi

Icaciswe kwiCandelo 8.1(c)

IAkhawunti Yemivuzo

Icaciswe kwiCandelo 10.1(b)

Iinkonzo

Icaciswe kwiCandelo 4

Izinto Ezilula

Izinto ezimfutshane, ekulula ukuziqonda, nezinto zedijithali ezihambelana nazo njengeevidiyo, amanqaku amafutshane, okanye iziqwenga zenkcazelo ende ezahlulahlulwe yaziziqendu zamanqaku amafutshane, zonke zenzelwe ukuba zisebenziseke ngokukhawuleza ngokuthi zicofwe ngaBasebenzisi

Isivumelwano seSPO

Isivumelwano esiphakathi kwethu Nenkampani Eneebhenefithi (ngaphandle kwale Mimiselo Yokusebenzisa) apho uLifeWorks esenza iiNkonzo zifumaneke Kubasebenzisi Benkampani Eneebhenefithi ngqo okanye ngokungangqalanga ngeqonga lomnye umthengisi

IAkhawunti Yemivuzo Yakwangoko

Ichazwe kwiCandelo 11.2(a)

IAkhawunti Yemivuzo Yabasebenzisi Benkampani Eneebhenefithi

Icaciswe kwiCandelo 11.2(d)

Inkampani Eneebhenefithi

Umqeshi, umlawuli weebhenefithi, inkampani yeinshorensi, umbutho wabasebenzi, inkampani yorhwebo, umbutho worhwebo, iyunivesithi, ikholeji, okanye omnye umbutho okhethiweyo obhalisele ngqo iiNkonzo zethu phantsi kwesivumelwano seSPO okanye enesivumelwano ngokungangqalanga sokufumana iiNkonzo zethu komnye umthengisi weeNkonzo zethu

Umvuzo Wakwangoko

Icaciswe kwiCandelo 4(d)

Imimiselo Yokusebenzisa

Le mimiselo nemiqathango (kunye nayo nayiphi na eminye imimiselo equkiweyo kuyo ngokubhekisela kuyo)

Umsebenzisi, wena okanye yakho

Icaciswe kwiCandelo 2.1

Thina, thina okanye yethu

Icaciswe kwiCandelo 1

Iwebhusayithi

Iwebhusayithi yethu www.lifeworks.com (kunye nazo zonke ezingaphantsi kwayo)

Umvuzo Wokubasempilweni

Icaciswe kwiCandelo 4(e)

Imali Ebhatalwayo Ukutsala Imali

Icaciswe kwiCandelo 11.2(g)

UXwebhu Olongezelelekileleyo Olusekupheleni 2

ISAZISO SEMIMISELO SEENKAMPANI ZANGAPHANDLE:

Nceda uhlole uze uziqhelanise nezi zaziso zilandelayo kunye nemimiselo efunekayo evela kwiinkampani esisebenzisana nazo:

Apple

Ukuba nayiphi na i-app oyikhuphelayo, ongena kunye/okanye oyisebenzisayo isebenza ngeiOS ka-Apple:

  • loo app inokufumaneka kuphela kwaye isetyenziswe kwidivayisi eyeyakho okanye elawulwa nguwe okanye ngumqeshi wakho kwaye isebenzise inkqubo yokusebenza yeiOS ka-Apple, kwaye kuphela ngokuhambelana nemithetho yokusetyenziswa ka-Apple epapashwe kwimimiselo yenkonzo yevenkile ka-Apple;

Uyazi kwaye uyavuma ukuba:

  • U-Apple akanyanzelekanga kwaphela ukuba anikezele ngazo naziphi iinkonzo ngokuphathelene iApp. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo ngoncedo ngokunxulumene neApp, nceda uqhagamshelane noLifeWorks, kungekhona uApple, usebenzisa Iinkcukacha Zokuqhagamshelana nathi ezichazwe ngasentla kule Mimiselo yokuSebenzisa;
  • Ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela kule mimiselo, nawaphi na amabango anxulumene nokuba neApp okanye ukuyisebenzisa aphakathi kwakho noLifeWorks (kungekhona phakathi kwakho, okanye nabani na omnye, noApple);
  • Kwimeko apho kubakho ibango lomnye umntu ngenxa yokuba uneApp okanye uyisebenzisa (ngokungqinelana nale miqathango) ngendlela eyaphula amalungelo obunini, uApple akazukuba noxanduva okanye ityala kuwe ngokunxulumene nelo bango; kwaye
  • Nangona le mimiselo ungene kuyo ikwakho noLifeWorks (kungekhona noApple), uApple, njengenye inkampani exhamlayo phantsi kwale mimiselo, uza kuba nelungelo lokunyanzelisa le mimiselo nxamnye nawe;

Umele kwaye uqinisekisa ukuba:

  • Awukho kwaye awuzukuba, nakweliphi na ilizwe eliphantsi kokuncintshwa kwezorhwebo nguRhulumente waseMerika okanye elibekwe nguRhulumente waseMerika njengelizwe “elixhasa ubugrogrisi”; kwaye
  • Awudweliswanga kulo naluphi na uludwe lukaRhulumente waseMerika lwabantu abangavunyelwanga okanye abathintelweyo; kwaye
  • Ukuba iApp ayihambisani nayo nayiphi na iwaranti esebenza kuyo, unokwazisa uApple, oza kubuyisela kuwe imali yokuthenga loo App (ukuba ikhona). Kuxhomekeke kuloo nto nakowona ngomkhamo umkhulu ovunyelwe ngumthetho, uApple akanikezeli okanye angene kuyo nayiphi na iwaranti, umqathango okanye omnye ummiselo ngokunxulumene naloo App kwaye azukuba natyala kuwe ngawo nawaphi na amabango, ilahleko, iimali okanye iindleko zayo nayiphi na into enxulumene naloo App okanye ngenxa yokuba wena okanye nabani na omnye umntu osebenzisa loo App okanye othembele kuyo nantoni na ekuyo.

UXwebhu Olongezelelekileleyo Olusekupheleni 3

ISAZISO KUBASEBENZISI ABANGAPHANDLE KWASEKHANADA:

Icandelo 1. Malunga Neendawo Ezingezizo EzaseKhanada. Le miqathango ingezantsi iqulethe iinkcukacha ezongezelelekileyo malunga Nengingqi ekwisiVumelwano seSPO enokuthanani nawe noMbutho Okuxhasayo.

1.1 EOstreliya. Ukuba ummandla Okwisivumelwano seSPO unokuthanani nawe Nenkampani yakho Eneebhenefithi uquka iOstreliya:

(a) Xa kubhekiselwa kuLifeWorks kule Mimiselo yokuSebenzisa kuza kuthathwa ngokuba zithetha uLifeWorks.com Pty Ltd (eyayisakuba yiOptum Health & Technology (Australia) Pty Ltd) ACN 134 449 059, inkampani yobunini elinganiselwe ngezabelo ezibhaliswe phantsi kweAustralia Corporations Act 2001 kwaye isekwe eVictoria, eOstreliya, ibe nendawo yayo yoshishino eyintloko eLevel 25, 303 Collins Street, Melbourne VIC 3000 Australia (ekuza kubhekiselwa kuyo ngokuthi “LifeWorks Australia” kuXwebhu Olongezezelekileyo Olusekupheleni 3).

(b) Ukuba iSivumelwano seSPO esisebenza kuwe nakwiNkampani yakho Eneebhenefithi kungenwe kuso noLifeWorks Australia (okanye nenkampani engaphambi kukaLifeWorks Australia okanye mva ekuLifeWorks Australia), ngoko le Mimiselo yokuSebenzisa iza kuba phantsi komthetho neenkundla zaseOstreliya eziseMelbourne ngeenjongo zeCandelo 22.7 lale Mimiselo yokuSebenzisa.

(c) Phantsi kwe-Australia Consumer Law (“ACL”) kunye nomthetho ofanayo karhulumente nowommandla, abathengi banamalungelo athile angenakukhutshwa, kuquka iziqinisekiso ngomgangatho nokufaneleka okwamkelekileyo ngenjongo yeemveliso neenkonzo. Akukho nto kule Mimiselo yokuSebenzisa iza kufundwa okanye isetyenziswe ukuze kungaqukwa, kuthintelwe okanye kulungiswe okanye kubekho umphumo wokungaquki, wokuthintela okanye wokuguqula nawuphi na umqathango, iwaranti, isiqinisekiso, ilungelo okanye isicombululo esibekwa ngumthetho (kuquka iACL) ibe ngokomthetho ingenakukhutshwa, ithintelwe okanye itshintshwe.

1.2 EBelgium. Ukuba uhlala eBelgium, uza kuxhamla kuwo nawaphi na amalungiselelo anyanzelekileyo omthetho waseBelgium. Akukho nto kule Mimiselo Yokusebenzisa echaphazela amalungelo akho okuxhomekeka kumalungiselelo anyanzelekileyo omthetho waseBelgium.

1.3 ENetherlands. UAscender B.V. usebenzisana noLifeWorks ibe useVleutenseweg 386, 3532 HW Utrecht, eNetherlands, t. +31 (0) 30-2522792 ibe inombolo yakhe yeVAT ithi: 820893262B01 ibe inombolo yakhe yokubhalisa kwiChamber of Commerce ithi: 17254283.

1.4 ENew Zealand. Ukuba uhlala eNew Zealand ngokweNew Zealand Fair Trading Act 1986 (“FTA”) kunye neConsumer Guarantees Act 1993 (“CGA”), abathengi banamalungelo athile angenakukhutshwa. Akukho nto kule Mimiselo Yokusebenzisa eza kufundwa okanye isetyenziswe ukuze kungabandakanywa, kuthintelwe okanye kulungiswe okanye kukhutshwe ngokungangqalanga, kuthintelwe okanye kulungiswe nayiphi na imeko, iwaranti, isiqinisekiso, ilungelo okanye ukuzama komthetho ukulungisa into ethile (kuquka iFTA neCGA) nto leyo ngokomthetho engenakukhutshwa, ithintelwe okanye itshintshwe. Nangona kunjalo, kangangoko kunokwenzeka (kuquka indawo othenga kuyo into okanye inkonzo ngeenjongo zoshishino) kuza kusebenza izithintelo zokungaqukwa nezinto ezilungisiweyo kule Mimiselo Yokusebenzisa.

1.5 ENorway. Ukuba uhlala eNorway, uza kuxhamla kuwo nawaphi na amalungiselelo anyanzelekileyo omthetho waseNorway. Akukho nto kule Mimiselo Yokusebenzisa echaphazela amalungelo akho okuxhomekeka kumalungiselelo anyanzelekileyo omthetho waseNorway.

1.6 EUnited Arab Emirates. Ukuba uhlala eUAE, uyazi kwaye uyavuma ukuba ilungelo lethu lokunqunyanyiswa phantsi kwale Mimiselo Yokusebenzisa linokusetyenziswa ngaphandle kokuba kufuneke umyalelo wenkundla okanye isaziso esingakumbi.

1.7 EUnited Kingdom. Ukuba ummandla oyintloko kwisiVumelwano seSPO usebenza kuwe naKwinkampani yakho Eneebhenefithi yiUK:

(a)   Xa kubhekiselwa kuLifeWorks kule Mimiselo yokuSebenzisa kuza kuthathwa ngokuba kuthethwa uLifeWorks (U.K.) Ltd.inkampani yabucala eyenziwe ngokomthetho waseNgilani nowaseWales (Inombolo Yokubhalisa 08223675) ese90 High Holborn, Holborn, London, WC1V 6LJ UK (ekuza kubhekiselwa kuyo ngokuthi “LifeWorks UK” kolu Xwebhu Olongezelelekileyo Olusekupheleni 3).

(b)   Ukuba iSivumelwano seSPO esisebenza kuwe nakwiNkampani yakho Eneebhenefithi bekungenwe kuso noLifeWorks UK (okanye nenkampani engaphambi kukaLifeWorks UK okanye mva ekuLifeWorks UK), ngoko le Mimiselo yokuSebenzisa iza kuba phantsi komthetho wamaNgesi neenkundla eziseLondon ngeenjongo zeCandelo 22.7 lale Mimiselo yokuSebenzisa.

1.8 EMerika. Ukuba ummandla oyintloko kwisiVumelwano seSPO usebenza kuwe naKwinkampani yakho Eneebhenefithi yiMerika:

(a)   Ngoko xa kubhekiselwa kuLifeWorks kule Mimiselo yokuSebenzisa kuza kuthathwa ngokuba kuthethwa LifeWorks (US) Ltd., inkampani yaseDelaware enendawo yayo yoshishino eyintloko e-115 Perimeter Centre Place NE, Suite1050, Atlanta, GA 30346 USA (ekuza kubhekiselwa kuyo ngokuthi “LifeWorks US” kolu Xwebhu Olongezelelekileyo Olusekupheleni 3).

(b)   Ukuba iSivumelwano seSPO esisebenza kuwe nakwiNkampani yakho Eneebhenefithi bekungenwe kuso noLifeWorks US (okanye nenkampani engaphambi kukaLifeWorks US okanye mva ekuLifeWorks US), ngoko le Mimiselo yokuSebenzisa iza kuba phantsi komthehto waseGeorgia neenkundla eziseAtlanta ngeenjongo zeCandelo 22.7 lale Mimiselo yokuSebenzisa.

*** Ukuphela Kwemimiselo Yokusebenzisa ***

Igqityelwe ukuhlaziywa ngoNovemba 2022